Bible Study: FrontPage




 

John, Chapter 2

Bible Study - John 2 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Kuthe ngomhla wesithathu, kwabakho umsitho eKana yelaseGalili; waye unina kaYesu ekhona.
  
2. Wamenyelwa ke noYesu kwanabafundi bakhe emsithweni lowo.
  
3. Kuthe ke, bakuphelelwa yiwayini, wathi unina kaYesu kuye, Abanawayini.
  
4. Uthi uYesu kuye, Yintoni na enam nawe, mfazi? Alikafiki ilixa lam.
  
5. Athi unina kubalungiseleli, Asukuba ekuthetha kuni, kwenzeni.
  
6. Kwakumi khona ke imiphanda yamatye imithandathu, ngokwentlambululo yamaYuda, engena ngaminye iibhate ezimbini nantathu.
  
7. Athi kubo uYesu, Yizaliseni imiphanda ngamanzi. Bayizalisa ke, yada yee cike.
  
8. Athi kubo, Yikhani ngoku, nise kwinjoli. Besa ke.
  
9. Ke kaloku, yakuweva injoli amanzi abenziwe iwayini (yayingayazi apho ivela khona; kodwa abalungiseleli ababewakhile amanzi babesazi), yasuka injoli yabiza umyeni.
  
10. Yathi kuye, Wonke umntu ubeka kuqala iwayini emnandi, aze xa bathe basela bakholisa, andule ukubeka enganeno kwaleyo; wena uyibandezile iwayini emnandi, kwada kwangoku.
  
11. Oku kuqaleka kwemiqondiso wakwenza uYesu eKana yelaseGalili, walubonakalalisa Uzuko lwakhe; bakholwa kuye abafundi bakhe.
  
12. Emveni koko wehla waya eKapernahum, yena nonina, nabazalwana bakhe, nabafundi bakhe; bahlala khona iintsuku ezingeninzi.
  
13. Yayikufuphi ke ipasika yamaYuda; wenyuka uYesu waya eYerusalem.
  
14. Wabafumana etempileni ababethengisa ngeenkomo nezimvu namahobe, nabananisa ngemali behleli.
  
15. Wenza iziniya ngemizi, wabakhupha bonke etempileni, kwanezimvu neenkomo; wayiphalaza imali yabananisi, wazibhukuqa neetafile;
  
16. wathi nakwabo bathengisa ngamahobe, Ezi zinto zisuseni apha; musani ukuyenza indlu kaBawo indlu yokuthengisela.
  
17. Bakhumbula ke abafundi bakhe, ukuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuzondelela indlu yakho kundidlile kanye.
  
18. Aphendula ke ngoko amaYuda, athi kuye, Usibonisa mqondiso mni na, uzenza nje ezi zinto?
  
19. Waphendula uYesu wathi kubo, Yichitheni le tempile, mna ke ndiya kuyivusa ngeentsuku ezintathu.
  
20. Athi ke ngoko amaYuda, Yayiminyaka imashumi mane anesithandathu nje isakhiwa le tempile, ke wena woyivusa ngeentsuku ezintathu na?
  
21. Yena ke wayethetha ngetempile yomzimba wakhe.
  
22. Ke ngoko, xenikweni wavukayo kwabafileyo, bakhumbula abafundi bakhe, ukuba ebekuthethile oku kubo, bakholwa sisibhalo nalilizwi awalithethayo uYesu.
  
23. Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba useYerusalem epasikeni, emthendelekweni, into eninzi yakholwa kulo igama lakhe, ibona imiqondiso yakhe abeyenza.
  
24. Ke yena uYesu akaziyekelanga kubo, ngenxa yokuba ebazi bonke;
  
25. nangokuba bekungafuneki kuye, ukuba kungqine bani ngaye umntu, kuba ubekwazi yena okungaphakathi komntu.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES