Bible Study: FrontPage




 

Joshua, Chapter 11

Bible Study - Joshua 11 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Kwathi, akukuva oko uYabhin ukumkani waseHatsore, wathuma kuYobhabhi ukumkani waseMadon, nakukumkani waseShimron, nakukumkani waseAkeshafi,
  
2. nakookumkani abangasentla ezintabeni, naseArabha ngasezantsi kweKineroti, nasezihlanjeni, nasezindulini zaseDore engasentshonalanga,
  
3. kumaKanan empumalanga nasentshonalanga, nakuma-Amori, nakumaHeti, nakumaPerizi, nakumaYebhusi ezintabeni, nakumaHivi aphantsi kweHermon ezweni leMizpa.
  
4. Baphuma ke bona benemikhosi yabo yonke, abantu abaninzi njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle ukuba baninzi, namahashe, neenqwelo zokulwa, into eninzi kunene.
  
5. Bavumelana ke abo kumkani bonke; beza bamisa ndawonye emanzini aseMerom, ukuba balwe namaSirayeli.
  
6. Wathi uYehova kuYoshuwa, Musa ukoyika ngenxa yabo; ngokuba ngomso eli xa ndiya kubanikela bonke bephela, behlatyiwe, emandleni amaSirayeli, uwanqumle imisipha amahashe abo, uzitshise ngomlilo iinqwelo zabo zokulwa.
  
7. Waya ke uYoshuwa, enabantu bonke bokulwa, wabafikela ngebhaqo emanzini aseMerom, babawela.
  
8. UYehova wabanikela esandleni samaSirayeli, ababulala, abasukela kwesa eTsidon enkulu, kwesa eMiserefoti-mayim, kwesa ethafeni laseMizpa empumalanga; ababulala kwada akwasala namnye kubo usindiliyo.
  
9. Wenza ke uYoshuwa kubo njengoko wathethayo uYehova kuye; amahashe abo wawanqumla imisipha, iinqwelo zabo zokulwa wazitshisa ngomlilo.
  
10. Wabuya uYoshuwa ngelo xesha, wayithimba iHatsore, wambulala ukumkani wayo ngekrele, kuba iHatsore ngenxa engaphambili ibe iyintloko yezo zikumkani zonke.
  
11. Ababulala bonke abantu abakuyo ngohlangothi lwekrele, ayitshabalalisa; akwasala namnye uphefumlayo; ayitshisa iHatsore ngomlilo.
  
12. Yonke imizi yabo kumkani, nabo kumkani bayo bonke, wabathimba uYoshuwa; wababulala ngohlangothi lwekrele, wabatshabalalisa, njengoko uMoses umkhonzi kaYehova wawisayo umthetho.
  
13. Kodwa yonke imizi emi emimangweni yayo amaSirayeli akayitshisanga; yaba yiHatsore yodwa awayitshisayo uYoshuwa.
  
14. Onke amaxhoba aloo mizi neenkomo bazithimbela oonyana bakaSirayeli; kodwa bababulala bonke abantu ngohlangothi lwekrele, bada babatshabalalisa, abasalisa namnye uphefumlayo.
  
15. Njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses umkhonzi wakhe, wenjenjalo uMoses ukumwisela umthetho uYoshuwa. Wenjenjalo ke uYoshuwa; akasusa nalinye ilizwi kuko konke uYehova awamwisela uMoses umthetho ngako.
  
16. Walithabatha ke uYoshuwa lonke elo zwe leentaba, nelasezantsi lonke, nelizwe laseGoshen lonke, nelezihlambo, nele-Arabha, neentaba zakwaSirayeli, nezihlambo zazo;
  
17. elithabathela ezintabeni ezimkhuthuka, ezinyuka ziye kwaSehire, lesa eBhahali-gadi, ethafeni laseLebhanon, phantsi kwentaba yeHermon. Bonke ookumkani bawo wabathimba, wabaxabela, wababulala.
  
18. Yaba mininzi ke imihla esenza imfazwe uYoshuwa nabo kumkani bonke.
  
19. Akubangakho mzi wazinikelayo ngoxolo koonyana bakaSirayeli, ingengamaHivi abemi baseGibheyon; yonke bayithabatha ngokulwa.
  
20. Ngokuba kwavela kuYehova ukuziqinisa iintliziyo zabo, ukuba bawahlangabeze amaSirayeli ngemfazwe, ukuze abatshabalalise, ukuze kungabikho kubabalwa kwabo, ukuze ke abatshabalalise, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
  
21. Wafika uYoshuwa ngelo xesha, wawanqumla ama-Anaki ezintabeni, eHebron, eDebhiri, eAnabhi, ezintabeni zonke zakwaYuda, ezintabeni zonke zakwaSirayeli; uYoshuwa wawatshabalalisa kunye nemizi yawo.
  
22. Akwasala ma-Anaki ezweni loonyana bakaSirayeli, kuphela kwasala eGaza, naseGati, naseAshode.
  
23. Walithabatha ke uYoshuwa lonke ilizwe, njengako konke awakuthethayo uYehova kuMoses; walinika uYoshuwa lalilifa lamaSirayeli, ngokweentlantlu zawo, ngokwezizwe zawo. Lazola ke ilizwe, akwabakho mfazwe.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES