Bible Study: FrontPage




 

Joshua, Chapter 23

Bible Study - Joshua 23 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Kwathi, kwakuba yimihla emininzi, emveni kokuba uYehova ewaphumzile amaSirayeli ezintshabeni zawo zonke ngeenxa zonke, uYoshuwa eseleyindoda enkulu, ekhulile,
  
2. wawabiza uYoshuwa onke amaSirayeli, amadoda awo amakhulu, neentloko zawo, nabagwebi bawo, nababhali bawo, wathi kubo, Mna ndisendimdala, ndikhulile.
  
3. Nina nikubonile konke abekwenzile uYehova uThixo wenu kwezo ntlanga zonke ngenxa yenu; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye onilweleyo.
  
4. Khangelani, ndinabele ngamaqashiso nezi ntlanga zisaseleyo, ukuba zibe lilifa lezizwe zenu, zithabathela eYordan, kunye neentlanga zonke endizinqumleyo, zesa kulwandle olukhulu ngasekutshoneni kwelanga.
  
5. NguYehova uThixo wenu oya kuzigxotha ebusweni benu, azigqogqe phambi kwenu, nilihluthe ilizwe lazo, njengoko wathethayo kuni uYehova uThixo wenu.
  
6. Yomelelani kunene, ukuze nigcine nenze konke okubhaliweyo encwadini yomyalelo kaMoses, ukuze ningasuki kuwo, nityekele ekunene nasekhohlo;
  
7. ukuze ningadibani nezi ntlanga ziseleyo, ezi ke zinani, ningalikhankanyi igama loothixo bazo, ningabafungi, ningabakhonzi, ningabanquli.
  
8. Ize ninamathele kuYehova uThixo wenu, njengoko nikwenzileyo unanamhla.
  
9. UYehova wazigqogqa ebusweni benu iintlanga ezinkulu, ezinamandla; ke nina akumanga mntu phambi kwenu unanamhla;
  
10. indoda inye kuni isukele iwaka; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye onilwelayo, njengoko wakuthethayo kuni.
  
11. Zigcineni kunene ngenxa yemiphefumlo yenu, ukuba nimthande uYehova uThixo wenu.
  
12. Kuba ukuba nithe nabuya, nabuya nanamathela kumaqongqolo ezi ntlanga ziseleyo, ezi ke zinani, nendiselana nazo, nadibana nazo, zadibana nani:
  
13. yazini kakuhle ukuba uYehova, uThixo wenu, akayi kuphinda azigqogqe ezi ntlanga phambi kwenu. Zoba zizibatha nemigibe kuni, neziniya emacaleni enu, noviko emehlweni enu, nide nicinywe kulo mhlaba ulungileyo, aninikileyo uYehova uThixo wenu.
  
14. Namhla ndihamba ngendlela yoluntu lonke. Niyazi ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke, ukuba akuwanga phantsi nalinye ilizwi emazwini onke alungileyo, abewathethile uYehova uThixo wenu ngani; onke enzekile kuni; akuwanga phantsi nalinye ilizwi kuwo.
  
15. Kothi, njengoko lenzekayo kuni lonke ilizwi elilungileyo, abelithethile uYehova uThixo wenu kuni, enjenjalo ukulenza kuni lonke ilizwi elibi, ade anitshabalalise kulo mhlaba ulungileyo, aninikileyo uYehova uThixo wenu.
  
16. Ekuwugqitheni umnqophiso kaYehova uThixo wenu, aniwisele wona, naya nakhonza thixo bambi, nabanqula, wovutha umsindo kaYehova kuni, nicinywe kamsinya emhlabeni olungileyo aninikileyo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES