Bible Study: FrontPage




 

Leviticus, Chapter 10

Bible Study - Leviticus 10 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ke kaloku oonyana baka-Aron abangooNadabhi noAbhihu bathabatha elowo ugcedevu lwakhe, babeka umlilo kulo, babeka phezu kwawo isiqhumiso, basondeza phambi koYehova umlilo ongesesikweni, abengabawiselanga mthetho ngawo.
  
2. Kwaphuma umlilo ebusweni bukaYehova, wabadla; bafa phambi koYehova.
  
3. Wathi uMoses kuAron, Yilaa nto wayithethayo uYehova, wathi, Ndozingcwalisela abasondela kum, ndizizukise ebusweni babantu bonke; wathi cwaka uAron.
  
4. UMoses wabiza uMishayeli noElitsafan, oonyana bakaUziyeli, uyisekazi ka-Aron, wathi kubo, Sondelani nibathwale abazalwana benu, nibasuse phambi kwengcwele, nibase ngaphandle kweminquba.
  
5. Basondela ke, babathwalela ngaphandle kweminquba, beneengubo zabo zangaphantsi, njengoko watshoyo uMoses.
  
6. Wathi uMoses kuAron, nakuElazare, nakuItamare, oonyana bakhe, Musani ukuziyeka ziyakazele iinwele zenu, ningazikrazuli iingubo zenu, ukuze ningafi, nokuze umsindo ungalifikeli ibandla lonke; abazalwana benu, yonke indlu kaSira yeli, bangakulilela bona ukutshisa akutshisileyo uYehova.
  
7. Ize ningaphumi emnyango wentente yokuhlangana, hleze nife; kuba ioli yokuthambisa kaYehova iphezu kwenu. Benza ke ngokwelizwi likaMoses.
  
8. Wathetha uYehova kuAron, esithi,
  
9. Musa ukusela wayini nasiselo sinxilisayo, wena noonyana bakho kunye nawe, ekungeneni kwenu ententeni yokuhlangana, ukuze ningafi. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu ke lowo;
  
10. ukuze kwahlulwe okungcwele kokuhlambelayo, nokuyinqambi kokuhlambulukileyo;
  
11. nokuze bayalwe oonyana bakaSirayeli ngemimiselo yonke awayithethayo uYehova kubo ngoMoses.
  
12. Wathetha uMoses kuAron, nakuElazare nakuItamare, oonyana bakhe abaselayo, wathi, Thabathani umnikelo wokudla oseleyo ekudleni kwasemlilweni kukaYehova, niwudle ungenagwele ecaleni lesibingelelo; kuba uyingcwele kangcwele lowo.
  
13. Nize niwudle endaweni engcwele, kuba umiselwe wena, umiselwe oonyana bakho, ekudleni kwasemlilweni kukaYehova; kuba ndiwiselwe umthetho ngokunjalo.
  
14. Ke incum yomtshangatshangiso nomlenze womrhumo, ezo nto nozidla endaweni emhlophe, wena noonyana bakho neentombi zakho kunye nawe; kuba zimiselwe wena, zimiselwe oonyana bakho; zenizinikiweyo emibingelelweni yoxolo yoonyana bakaSirayeli.
  
15. Umlenze womrhumo nencum yomtshangatshangiso yoziswa nokudla kwasemlilweni kwamanqatha, ukuba itshangatshangiswe ibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, ibe ngowakho noonyana bakho kunye nawe; ibe ngummiselo ongunaphakade, njengoko uYehova wawisayo umthetho.
  
16. Ibhokhwe yedini lesono wayifuna kunene uMoses. Yini? Itshisiwe. Waba noburhalarhume ngakuElazare noItamare, oonyana baka-Aron abaseleyo, esithi,
  
17. Kutheni na le nto ningalidlanga idini lesono endaweni engcwele? Kuba liyingcwele kangcwele; uninike lona ukuze nibuthwale ubugwenxa bebandla, ukuze nilicamagushele phambi koYehova.
  
18. Yabonani, alingeniswanga igazi lalo engcweleni phakathi; ninge nilidlile okunene engcweleni, njengoko ndawisa umthetho.
  
19. Wathetha uAron kuMoses, esithi, Yabona, namhlanje basondeze idini labo lesono, nedini labo elinyukayo phambi koYehova; ndahlelwa zezi zinto. Ukuba bendilidlile idini lesono namhla bekuya kulunga yini na emehlweni kaYehova?
  
20. Weva uMoses; kwalunga emehlweni akhe.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES