|
|
Leviticus, Chapter 21
1. Wathi uYehova kuMoses. Yitsho kubabingeleli, oonyana baka-Aron, ukuthi, Ze kungabikho uzenza inqambi ngenxa yomfi phakathi kwabantu bakowabo.
2. Kungaba ngenxa yenyama yakhe ekufuphi kuya yodwa: unina noyisa, nonyana wakhe, nentombi, yakhe, nomzalwana wakhe.
3. Nodade wabo oseyintombi, leyo ikufuphi kuya, ingenandoda, angazenza inqambi ngenxa yayo.
4. Engumninimzi nje, makangazenzi inqambi phakathi kwabantu bakowabo, ukuba azihlambele.
5. Ize bangenzi mpandla entlokweni yabo, bangaliguyi icala leendevu zabo, bangayicenti inyama yabo.
6. Mababe ngcwela kuThixo wabo, bangalihlambeli igama loThixo wabo; kuba besondeza ukudla kwasemlilweni kukaYehova, ukudla koThixo wabo; mababe ngcwele.
7. Makangazeki mfazi ulihenyukazi, nohlanjelwayo; angazeki mfazi waliweyo yindoda yakhe; ngokuba ungcwele kuThixo wakhe.
8. Uze umngcwalise ke; kuba esondeza ukudla koThixo wakho; woba ngcwele kuwe, ngokuba ndingcwele, mna Yehova uningcwalisayo.
9. Intombi yendoda engumbingeleli, xa ithe yazihlambela ngokuhenyuza, ihlambela uyise; yotshiswa ngomlilo.
10. Umbingeleli omkhulu phakathi kwabazalwana bakhe, obegalelwe ioli yokuthambisa entloko, omiselweyo ukuze azambatha izambatho, makangaziyeki ziyakazele iinwele zakhe, angazikrazuli lingubo zakhe;
11. angayi nakumntu ofileyo, angazenzi inqambi nangenxa kayise, nangenxa kanina.
12. Makangaphumi engcweleni, angayihlambeli ingcwele yoThixo wakhe; ngokuba ukwahlula kweoli yokuthambisa yoThixo wakhe kuphezu kwakhe: ndinguYehova.
13. Makazeke umfazi osebuntombini bakhe.
14. Umhlolokazi, nowaliweyo, nohlanjelweyo olihenyukazi, abo makangabazeki; wozeka intombi yodwa yasebantwini bakowabo, ibe ngumfazi;
15. angayihlambeli imbewu yakhe phakathi kwabantu bakowabo; ngokuba ndinguYehova omngcwalisayo.
16. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
17. Thetha kuAron, uthi, Indoda phakathi kwembewu yakho ezizukulwaneni zabo, esukuba inesiphako, mayingasondeli isondeze ukudla koThixo wayo.
18. Ze kungasondeli nanye indoda, xa sukuba inesiphako: indoda eyimfama, nesiqhwala, nelinyaziweyo ebusweni, nesilima,
19. nendoda eyaphuke unyawo, neyaphuke isandla;
20. nenofundo, nengcungcuthekileyo, nenomlanga, nenokhwekhwe, nenesitshanguba, netyumke isende.
21. Ze kungasondeli nanye indoda enesiphako, yembewu ka-Aron umbingeleli, isondeze ukudla kwasemlilweni kukaYehova; inesiphako; mayingasondeli, isondeze ukudla koThixo wayo.
22. Ingakudla ukudla koThixo wayo kwezinto eziziingcwala kangcwele, kwanazingcwela.
23. Kodwa mayingezi emkhusaneni, ingasondeli nasesibingelelweni, ngokuba inesiphako; ukuze ingayihlambeli ingcwela yam; ngokuba ndinguYehova obangcwalisayo.
24. Wakuthetha ke oko uMoses kuAron noonyana bakhe, noonyana bonke bakaSirayeli.
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|