Bible Study: FrontPage




 

Mark, Chapter 3

Bible Study - Mark 3 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Wabuya wangena endlwini yesikhungu. Kwaye kukho apho umntu onesandla esomileyo.
  
2. Baye bemlalele, ukuba womphilisa na ngesabatha, ukuze bammangalele.
  
3. Athi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama uze phakathi.
  
4. Athi kubo, Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa, kukubulala, kusini na? Ke bahlala bathi tu.
  
5. Akuba ebasingasingile ngengqumbo, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yabo, uthi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye.
  
6. Baphuma abaFarisi, benza kwaoko ibhunga namaHerode ngaye, lokuba bamtshabalalise.
  
7. Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya elwandle; yamlandela inkitha eninzi, ivela kwelaseGalili, nakwelakwaYuda,
  
8. naseYerusalem, nakwelakwaIdume, naphesheya kweYordan; nabo bangaseTire nabaseTsidon, inkitha eninzi; bathi, bakuva izinto ezinkulu abezenza, beza kuye.
  
9. Wathi kubafundi bakhe, umkhonjana mawuhlale umlindile ngenxa yezihlwele, ukuze bangamxini.
  
10. Kuba waphilisa babaninzi, ngokokude bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise bonke ababenezibetho;
  
11. nabo oomoya abangcolileyo babesithi, xa sukuba bembona, bawe phantsi kuye, bakhale, besithi, Unguye wena uNyana kaThixo.
  
12. Wayebakhalimela kakhulu ukuba bangamtyhili.
  
13. Uthi ke anyuke intaba, abizele kuye abo abethanda ukubabiza yena ngokwakhe; besuka beza kuye.
  
14. Wadala balishumi elinababini, ukuze babe naye, nokuze abathume baye kuvakalisa ubukumkani bukaThixo,
  
15. babe negunya lokuziphilisa izifo, nelokuzikhupha iidemon.
  
16. YanguSimon, awamthiya igama elinguPetros;
  
17. yanguYakobi lo kaZebhedi, noYohane umzalwana kaYakobi, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi, ngabeendudumo;
  
18. yanguAndreya, noFilipu, noBhartolomeyu, noMateyu, noTomas, noYakobi, lo ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon Kanan,
  
19. noYuda Sikariyoti, owamngcatshayo nokumngcatsha.
  
20. Bathi beze ekhaya; kubuye kubuthelane izihlwele, ngokokude bangabi nako nokudla isonka.
  
21. Bevile abakowabo, baphuma beya kumbamba; kuba babesithi, Uyageza.
  
22. Baye bona ababhali, ababehle bevela eYerusalem, besithi, UnoBhelezebhule; besithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon.
  
23. Uthe ebabizele kuye, wathetha nabo ngemizekeliso, esithi, Angathini na uSathana ukukhupha uSathana?
  
24. Nobukumkani, ukuba buthe bahlulelana bodwa, abunako ukuma obo bukumkani;
  
25. nendlu, ukuba ithe yahlulelana yodwa, ayinako ukuma loo ndlu;
  
26. noSathana, ukuba uthe wazichasa ngokwakhe, wahlulelana yedwa, akanako ukuma, uphelile.
  
27. Akukho unako ukuthi impahla yegorha angene endlwini yalo ayiphange, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo, andule ukuyiphanga indlu yalo.
  
28. Inene ndithi kuni, Zonke izono baya kuzixolelwa oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo;
  
29. ke yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele, akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lokugwetywa okungunaphakade.
  
30. Watsho kuba besithi, Unomoya ongcolileyo.
  
31. Bafika ke kaloku abazalwana bakhe nonina; bathi, bemi ngaphandle, bathumela kuye bembiza.
  
32. Zaye izihlwele zihleli zimphahlile; bathi kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho ngaphandle, bekufuna.
  
33. Wabaphendula esithi, Ngubani na uma? Ngoobani na nabazalwana bam?
  
34. Akuba ebasingasingile ngeenxa zonke ababehleli bemphahlile, uthi, Nanku uma nabazalwana bam.
  
35. Kuba othe wakwenza ukuthanda kukaThixo, lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES