Bible Study: FrontPage




 

Mark, Chapter 7

Bible Study - Mark 7 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Kwahlanganisana kuye abaFarisi, nabathile kubabhali, bevela eYerusalem;
  
2. bathi, bakubona abathile kubafundi bakhe besidla isonka ngezandla eziziinqambi, oko kukuthi ngezingahlanjwanga, basuka basola.
  
3. Kuba abaFarisi namaYuda onke abadli, ukuba abakhanga bazihlambe izandla kunene, bebambe isithethe samanyange.
  
4. Nokuba bavela endaweni yembutho, abadli bengakhanga bahlambe; zikho nezinye izinto ezininzi, abazamkele ukuba bazibambe, ezinjengeentlambo zeendebe, neebhekile, nezitya zobhedu, nezingqengqelo.
  
5. Bandula bambuza abaFarisi nababhali, besithi, Kungani na ukuba abafundi bakho bangahambi ngokwesithethe samanyange, le nto badla isonka ngezandla ezingahlanjwanga?
  
6. Waphendula ke wathi kubo, Watyapha uIsaya ukuprofeta ngani, bahanahanisi, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Aba bantu bandibeka ngomlomo, Kanti yona intliziyo yabo ikude lee kum.
  
7. Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.
  
8. Kuba nithi, niwuyeka okaThixo umthetho, nibambe isithethe sabantu esinjengeentlambo zeebhekile neendebe; naye nizenza nezinye izinto ezininzi ezinjengezo.
  
9. Wayesithi kubo, Natyapha kambe niwutshitshise umthetho kaThixo, ukuze nisigcine isithethe senu.
  
10. Kuba uMoses wathi, Beka uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela kakubi uyise, nokuba ngunina, makafe ukufa;
  
11. ke nina nithi, Ukuba umntu uthe kuyise nokuba kukunina, Ingumsondezo, oko kukuthi, ingumnikelo kuThixo into ongewuba uncedwa ngayo ndim, ukholisile;
  
12. ningabi samvumela ukuba amenzele nto, nokuba nguyise nokuba ngunina;
  
13. niliphanga igunya ilizwi likaThixo ngesithethe senu enasinikelayo, naye nizenza izinto ezininzi ezinjengezo.
  
14. Wayibizela kuye yonke indimbane, wathi kubo, Phulaphulani kum nonke, niqonde:
  
15. akukho nto ingaphandle komntu ethi ingena kuye ibe nako ukumenza inqambi; zizinto eziphumayo kuye ezimenza inqambi umntu.
  
16. Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve.
  
17. Baye ke, xa ebengene endlwini, evela kuyo indimbane, bembuza abafundi bakhe umzekeliso lowo.
  
18. Athi kubo, Nikwanje nani na ukuswela ingqondo? Aniqiqi na, ukuba konke okungaphandle, okuthi kungene emntwini, akunako ukumenza inqambi?
  
19. Ngokuba akungeni khona entliziyweni yakhe; kungena esiswini; ize kuphume kuye endaweni esese, ezihlambululayo zonke izidlo.
  
20. Wayesithi ke, Into ephumayo emntwini, yiyo leyo emenza inqambi umntu;
  
21. kuba ngaphakathi, kuyo intliziyo yomntu, kuphuma izicamango ezibi, ookukrexeza, oomibulo, ookubulala,
  
22. oobusela, ookubawa, okungendawo, iinkohliso, uburheletyo, umona, ukunyelisa, ukukratsha, ukuswela kuqonda;
  
23. zonke ezi zinto zingendawo ziphuma ngaphakathi, zimenze inqambi umntu.
  
24. Esukile apho ke, waya emideni yaseTire neyaseTsidon. Wangena endlwini, wanga akungaziwa mntu; akaba nako ukufihlakala noko.
  
25. Kuba yathi yakumva intokazi entombazana ibinomoya ongcolileyo, yafika yawa ezinyaweni zakhe;
  
26. yaye ke kaloku intokazi leyo ingumGrikekazi, umSirofenikikazi ngokuzalwa. Yacela kuye ukuba ayikhuphe idemon entombini yayo.
  
27. Uthe ke uYesu kuyo, Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala; kuba akukuhle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni.
  
28. Yaphendula ke yathi kuye, Ewe, Nkosi; kuba nazo iinjana phantsi kwetafile zidla kwiimvuthuluka zabantwana.
  
29. Wathi kuyo, Ngenxa yelo zwi, hamba; idemon iphumile entombini yakho.
  
30. Yesuka yaya endlwini yayo, yafumana iphumile idemon, intombi ilele phezu kwesi ngqengqelo.
  
31. Uthe wabuya waphuma emideni yaseTire neyaseTsidon, weza kulwandle lwaseGalili, ecanda phakathi kwemida yaseDekapoli.
  
32. Bazisa ke isithulu esithintithayo, bambongoza ukuba abeke isandla phezu kwaso.
  
33. Wasishenxisa esihlweleni sasodwa, wafaka iminwe yakhe ezindlebeni zaso, wathi etshicile, wachukumisa ulwimi lwaso,
  
34. wakhangela ezulwini, wancwina, wathi kuso, Efata, oko kukuthi, Vuleka.
  
35. Zavuleka kwaoko iindlebe zaso, zacombuluka iingqambu zolwimi lwaso, sathetha salungisa.
  
36. Wabayala ukuba mabangaxeleli bani; kodwa okukhona wabayalayo, kwaba kukhona bakuvakalisa ngakumbi.
  
37. Bakhwankqiswa ngokuncamisileyo kanye, besithi, Uzenze iinto zonke kakuhle; uzenza nezithulu zive, nabangenakuthetha bathethe.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES