Bible Study: FrontPage




 

Matthew, Chapter 14

Bible Study - Matthew 14 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ngelo xesha uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, waluva udaba lukaYesu,
  
2. wathi kubakhonzi bakhe, Lo nguYohane umbhaptizi. Yena uvukile kwabafileyo; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyasebenza kuye.
  
3. Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe.
  
4. Kuba wayethe uYohane kuye, Akuvumelekile ukuba ube naye.
  
5. Wathi efuna ukumbulala, woyika abantu; ngokuba babebambe ukuthi ungumprofeti.
  
6. Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kwenziwa isikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, yathi intombi kaHerodiya yangqungqa esazulwini, yamkholisa uHerode.
  
7. Ekuthe ke koko wayithembisa ngesifungo ukuba woyinika oko ingakucelayo.
  
8. Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi, Ndinike apha ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi.
  
9. Wesuka ukumkani waba buhlungu; ke, ngenxa yezifungo ezo nangenxa yabo babehleli ngasesithebeni naye, watsho ukuthi mayiyinikwe.
  
10. Wasusa umntu, wamnqumla uYohane intloko entolongweni apho.
  
11. Yaziswa intloko yakhe ngesitya, yanikwa intombazana leyo, yathi yona yayisa kunina.
  
12. Bafika abafundi bakhe, basithabatha isidumbu, basingcwaba; baya babikela uYesu.
  
13. Evile ke uYesu, wemka apho ngomkhombe, waya endaweni eyintlango eyedwa. Zivile ke izihlwele, zamlandela ngeenyawo, zivela emizini.
  
14. Ephumile ke uYesu, wabona into eninzi yabantu, wasikwa yimfesane ngabo, wayiphilisa imilwelwe yabo.
  
15. Kuthe ke kwakuhlwa, beza kuye abafundi bakhe, besithi, Le ndawo iyintlango, kanjalo ilixa lise lidlule; zindulule izihlwele, zimke ziye emizaneni, zizithengele ukudla.
  
16. Uthe ke kubo uYesu, Akufuneki ukuba zimke; zipheni nina zitye.
  
17. Bathi ke bona kuye, Asinanto apha, ingezizo izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini.
  
18. Wathi ke yena, Ziziseni kum apha.
  
19. Wathi izihlwele mazingqengqe phantsi engceni; wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi, ekhangele ezulwini, wasikelela; waqhekeza, wazinika abafundi izonka ezo; ke abafundi banika izihlwele.
  
20. Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, zalishumi elinazibini izitya zizele.
  
21. Ke kaloku abo babesidla babengamadoda akumawaka amahlanu, ngaphandle kwabafazi nabantwana.
  
22. Waza uYesu wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye phesheya, lo gama azindululayo izihlwele yena.
  
23. Ezindulule ke izihlwele, wenyuka intaba ngasese, ukuba athandaze. Kwahlwa ke ekhona apho yedwa.
  
24. Ke kaloku umkhombe ubuseluphakathi kolwandle, untsilwa ngamaza; kuba umoya ubuvela ngaphambili.
  
25. Kuthe ke ngowesine umlindo wobusuku, wesuka waya kubo uYesu, ehamba phezu kolwandle.
  
26. Bathe bakumbona abafundi ehamba phezu kolwandle, bakhathazeka, besithi, Ngumshologu; bakhaliswa kukoyika.
  
27. Wathetha ke kwaoko uYesu kubo, esithi, Yomelelani; ndim, musani ukoyika.
  
28. UPetros wamphendula ke wathi, Nkosi, ukuba nguwe, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.
  
29. Wathi ke yena, Yiza. Ehlile uPetros emkhombeni, wahamba phezu kwamanzi, esiya kuYesu.
  
30. Ke kaloku, ebona umoya unamandla, woyika; waza eqala ukutshona wakhala, esithi, Nkosi, ndisindise.
  
31. Wasolula kwaoko ke isandla uYesu, wambamba, wathi kuye, Ehla wena ulukholo luncinane, uthandabuzelani na?
  
32. Bakungena emkhombeni, wadamba umoya.
  
33. Bazile ke abo basemkhombeni, baqubuda kuye, besithi, Inyaniso, unguNyana kaThixo.
  
34. Bakuwela, bafika emhlabeni waseGenesarete.
  
35. Emazile amadoda aloo ndawo, athumela kuwo wonke loo mmandla.
  
36. Bazisa kuye bonke abafayo, bambongoza ukuba bachukumise nje kodwa intshinga yengubo yakhe; baza bonke abayichukumisayo baphiliswa kanye.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES