Bible Study: FrontPage




 

Matthew, Chapter 16

Bible Study - Matthew 16 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Baza bafika abaFarisi nabaSadusi, bathi, bemlinga, bacela ukuba ababonise umqondiso ophuma emazulwini.
  
2. Waphendula ke wathi kubo, Ngokuhlwa nithi, Liya kusa; kuba izulu limlilo ukuba bomvu.
  
3. Kanjalo kusasa nithi, Namhla luqhwithela; kuba izulu limlilo ukuba bomvu, lisibekele. Bahanahanisindini, nikwazi nje ukubucalula ubuso bezulu, ke yona imiqondiso yamaxesha aninako na ukuyicalula?
  
4. Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, singxamele umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti. Wabashiya wemka.
  
5. Bakufika ke abafundi bakhe ngaphesheya, bathi kanti bakulibele ukuphatha izonka.
  
6. Wathi ke uYesu kubo, Ligqaleni nililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi.
  
7. Baye ke bona becamanga phakathi kwabo, besithi, Utsho ngokuba singaphathanga zonka.
  
8. Ekwazi ke oko uYesu, wathi kubo, Ehlani, nina balukholo luncinane! Yini na ukuba nicamange phakathi kwenu, ngokuba ningaphathanga zonka?
  
9. Anikaqiqi na, anizikhumbuli na izonka ezihlanu zamawaka amahlanu, nokuba zazingaphi na izitya enazithabathayo?
  
10. Kwanezonka ezisixhenxe zamawaka amane, nokuba zazingaphi na iingobozi enazithabathayo?
  
11. Yini na le nto ningaqiqiyo, ukuba bendingatsho ngasonka, ukuthi kuni, manililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi?
  
12. Bandula ukuqonda, ukuba ubengatsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka; ubesithi mabalumkele imfundiso yabaFarisi nabaSadusi.
  
13. Akufika uYesu emacaleni aseKesareya yakwaFilipu, wababuza abafundi bakhe, esithi, Bathi abantu ndingubani na mna, Nyana woMntu?
  
14. Bathi ke bona, Inxenye ithi, unguYohane umbhaptizi; abanye bathi, UnguEliya; bambi bathi, UnguYeremiya, mhlawumbi ungomnye wakubaprofeti.
  
15. Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na?
  
16. Waphendula ke uSimon Petros wathi, Wena unguye uKristu, unyana kaThixo ophilileyo.
  
17. Waphendula uYesu wathi kuye, Unoyolo, Simon kaYona, ngokuba akukutyhilelwanga oku yinyama negazi, ukutyhilelwe nguBawo osemazulwini.
  
18. Nam ke, ndithi kuwe, UnguPetros wena; ndiya kulakhela phezu kolu lwalwa ibandla lam, namasango elabafileyo akayi kuloyisa.
  
19. Ndiya kukunika izitshixo zobukumkani bamazulu; kuthi ke othe wakubopha emhlabeni, kubopheke emazulwini; kuthi othe wakukhulula emhlabeni, kukhululeke emazulwini.
  
20. Wabayala abafundi bakhe, ukuba bangaxeleli bani ukuba yena unguYesu uKristu.
  
21. Waqalela kwelo xa uYesu ukubabonisa abafundi bakhe, okokuba umelwe kukuba aye eYerusalem, eve ubunzima obukhulu kuwo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu, nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu avuke.
  
22. Wathi uPetros emthabathele kuye, waqala ukumkhalimela, esithi, Makube camagu kuwe Nkosi; oko akuyi kukha kubekho kuwe.
  
23. Wajika ke wathi kuPetros, Suka uye emva kwam, Sathana, usisikhubekiso kum; ngokuba ungazinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekela ezabantu.
  
24. Wandula wathi uYesu kubafundi bakhe, Ukuba kukho othanda ukundilandela, makazincame ngokwakhe, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.
  
25. Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowufumana.
  
26. Kuba, kumnceda ntoni na umntu, ukuba uthe wazuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ke ngumphefumlo wakhe? Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe?
  
27. Kuba uNyana woMntu uza kuza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe, andule ukubavuza bonke ngabanye ngokokwenza kwabo.
  
28. Inene, ndithi kuni, Kwabemiyo apha kukho abangayi kukha beve kufa, bade bambone uNyana woMntu esiza, esebukumkanini bakhe.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES