Bible Study: FrontPage




 

Matthew, Chapter 18

Bible Study - Matthew 18 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ngelo lixa beza abafundi kuYesu, besithi, Ngubani na ke omkhulu kunabanye, ebukumkanini bamazulu?
  
2. UYesu wabizela kuye umntwana, wammisa phakathi kwabo.
  
3. Wathi, Inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu.
  
4. Osukuba ngoko ethe wazithoba njengalo mntwana nguye omkhulu kunabanye ebukumkanini bamazulu.
  
5. Kanjalo othe wamkela umntwana onje, noko amnye, egameni lam, wamkela mna.
  
6. Ke othe wakhubekisa noko amnye waba bancinane bakholwayo kum, ebelungelwe kanye kukuba anxitywe ilitye lokusila entanyeni, antywiliselwe enzulwini yolwandle.
  
7. Yeha ihlabathi ngezikhubekiso! kuba azinakuba zingezi izikhubekiso; kodwa yeha loo mntu siza ngaye isikhubekiso!
  
8. Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luya kukhubekisa, lunqamle, ululahle: kukulungele ukuba ungene ebomini usisiqhwala, mhlawumbi usisilima, kunokuba uthi, unezandla ezibini, mhlawumbi uneenyawo ezimbini, uphoswe emlilweni ongunaphakade.
  
9. Nokuba iliso lakho liya kukhubekisa, lincothule, ulilahle; kukulungele ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo.
  
10. Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane; kuba ndithi kuni, Izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini.
  
11. Kuba uNyana woMntu weza kusindisa oko kulahlekileyo.
  
12. Nithini na nina? Ukuba umntu uthe wanekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, akazishiyi na ezimashumi asithoba anesithoba ezintabeni, aye afune leyo ilahlekileyo?
  
13. Ukuba uthe wayifumana, inene ndithi kuni, uyayivuyela leyo ngaphezu kokuvuyela ezo zimashumi asithoba anesithoba, zingalahlekanga.
  
14. Kwangokunjalo asikukuthanda kukaYihlo osemazulwini, ukuba kulahleke namnye waba bancinane.
  
15. Ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, yiya umohlwaye inguwe naye ninedwa; ukuba uthe wakuva, woba umzuzile umzalwana wakho.
  
16. Ke ukuba uthe akeva buya uthabathe nawe abe mnye nokuba babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamathathu.
  
17. Ukuba ke uthe akabeva, xelela ibandla; ukuba ke uthe akaliva nebandla, kuwe makabe njengoweentlanga nombuthi werhafu.
  
18. Inene, ndithi kuni, Konke enithe nakubopha emhlabeni, kobotshwa emazulwini; nako konke enithe nakukhulula emhlabeni, kokhululwa emazulwini.
  
19. Kanjalo ndithi kuni, Ukuba ababini kuni bathe bavumelana emhlabeni apha ngeendawo zonke abangazicelayo, bozenzelwa nguBawo osemazulwini.
  
20. Kuba apho bahlanganisene khona egameni lam, nokuba babini nokuba bathathu, ndikho mna apho phakathi kwabo.
  
21. Kwandula kweza uPetros kuye wathi, Nkosi, koba futhi kangaphi na umzalwana wam endona, ndimxolela? Koda kube kasixhenxe na?
  
22. Athi uYesu kuye, Andithi kuwe, koda kube kasixhenxe; ndithi, koda kube kamashumi asixhenxe aphindiweyo kasixhenxe.
  
23. Ngenxa yoko ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owafuna ukubalelana nabakhonzi bakhe.
  
24. Kuthe ke akuqala ukubalelana nabo, kwaziswa kuye omnye onetyala leetalente ezingamawaka alishumi.
  
25. Kuthe ke ekubeni engenanto yakuhlawula, yathi inkosi yakhe, makuthengiswe ngaye, nangomfazi wakhe, nangabantwana bakhe, nangeento zonke anazo, kuhlawulwe.
  
26. Wawa phantsi ngoko umkhonzi lowo, waqubuda kuyo, esithi, Nkosi, khawundenze kuhle, ndokuhlawula lonke.
  
27. Yasikwa ke yimfesane inkosi yaloo mkhonzi, yamkhulula, yamxolela ityala elo.
  
28. Uphumile ke loo mkhonzi, wafumanana nomnye wabakhonza kunye naye obenetyala kuye leedenariyo ezilikhulu; wambamba, wamkrwitsha, esithi, Ndihlawule ityala onalo.
  
29. Wawa phantsi ngoko ezinyaweni zakhe lo ubekhonza kunye naye, wamana embongoza, esithi, Khawundenze kuhle, ndokuhlawula lonke.
  
30. Akavumanga ke; waya wamphosa entolongweni, ade alihlawule ityala elo.
  
31. Bathi ke abo babekhonza kunye naye, bakubona oko kwenzekileyo, baba buhlungu kakhulu, beza bayityela inkosi yabo konke oko kwenzekileyo.
  
32. Yaza inkosi yakhe, imbizele kuyo, yathi kuye, Mkhonzindini ungendawo, ndakuxolela lonke elaa tyala, ekubeni wandibongo zayo;
  
33. ubungamelwe na kukuba ube nenceba nawe kokhonza kunye nawe, njengokuba nam bendinenceba kuwe?
  
34. Yaqumba inkosi yakhe, yamnikela kubathuthumbisi, ade alihlawule lonke ityala lakhe kuyo.
  
35. Wothi noBawo wasemazulwini enjenjalo kuni, ukuba anithanga nonke ngabanye nabaxolela abazalwana benu iziphoso zabo ngeentliziyo zenu.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES