Bible Study: FrontPage




 

Micah, Chapter 6

Bible Study - Micah 6 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Khanive akuthethayo uYehova; uthi, Suk’ ume, ubambanene entaba, iinduli zilive ilizwi lakho.
  
2. Yivani, zintaba, ukubambana kukaYehova, nani zimakade, ziseko zehlabathi; kuba uYehova ubambene nabantu bakhe, uya kuphikisana namaSirayeli.
  
3. Bantu bam, ndenze ntoni na kuni? Ndinidinise ngantoni na? Ndiphenduleni.
  
4. Ngokuba ndaninyusa ezweni laseYiputa, ndanikhulula endlwini yamakhoboka, ndathuma phambi kwenu ooMoses, noAron, noMiriyam.
  
5. Bantu bam, khanikukhumbule ukucebisa kukaBhalaki ukumkani wakwaMowabhi, nokuphendula kukaBhileham unyana kaBhehori, ethabathela eShitim, wada wesa eGiligali, ukuze niyazi imisebenzi kaYehova yobulungisa.
  
6. Ndiya kumkhawulela uYehova ndinantoni na? Ndiye kuzigoba na kuThixo ophezulu? Ndiya kumkhawulela ndinamadini anyukayo na, ndinamathole amnyaka mnye na?
  
7. Wokholiswa na uYehova ngamawaka eenkunzi zezimvu, ngamawaka alishumi emilambo yeoli? Ndorhola owamazibulo na ngenxa yesikreqo sam, isiqhamo somzimba wam na ngenxa yesono somphefumlo wam?
  
8. Uxelelwe, mntundini, okulungileyo: akubizayo uYehova kuwe, kukuthi wenze okusesikweni, uthande inceba, uhambe noThixo wakho ngokuthozamileyo.
  
9. Izwi likaYehova libhekisa kuwo umzi ukubiza, igama lakho liyayibona eyona nto iyiyo. Yiveni intonga, nalowo uyiyalelayo.
  
10. Busekho na ubuncwane bokungendawo endlwini yongendawo, ne-efa edlekileyo, ebhavunyelweyo?
  
11. Ndoqaqamba na ndinesikali sokungendawo, ndinengxowa yamatye enkohliso?
  
12. Kuba izityebi zakhona zizele lugonyamelo, nabemi bakhona bathethe ubuxoki, nolwimi lwabo lube lunenkohliso emlonyeni wabo.
  
13. Nam ke ndikuxabele ngokubulalayo, ndikuphanzisile ngenxa yezono zakho.
  
14. Wena uya kudla, ungahluthi, uhlale unephango; usabise, ungasindisi; nokusindileyo ndikunikele ekreleni.
  
15. Wena uya kuhlwayela, ungavuni; wena uya kuxovula umnquma, ungazithambisi ngeoli; uxovule iwayini entsha, ungaseli wayini.
  
16. Bazigcinela imimiselo kaOmri, nezenzo zonke zendlu ka-Ahabhi, nisuke nihambe ngamacebo abo; ukuze ndinenze nibe ngummangaliso, nabemi bayo babe ngumsondlo; ngoko niya kuthwala ukungcikivwa kwabantu bam.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES