|
|
Nahum, Chapter 2
1. Kunyuke umhlekezi, weza phambi kwakho, Nineve; londoloza inqaba yakho, bonisela endleleni, qinisa izinqe, khupha amandla kunene.
2. Ngokuba uYehova ulibuyele iqhayiya lakwaYakobi ngokweqhayiya lakwaSirayeli; ngokuba abathi qongqololo bathe qongqololo; bawonakalisile amasebe abo emidiliya.
3. Ingweletshetshe yamagorha akhe yenziwe ingqombela, amadoda anobu kroti athiwe wambu ngezibomvu; iinqwelo zokulwa zinomlilo ophuma ezintsimbini ngemini yokuxhoba kwakhe, izinto zemisipres ziyatyityimba.
4. Iinqwelo zokulwa ziyadlongozela ezitratweni, ziyagilana emabaleni; ukubonakala kwazo kunjengezikhuni ezitshangaziswayo, zibaleka njengemibane.
5. Ukhumbule iingangamsha zakhe; ziya kukhubeka ekuhambeni kwazo; zingxamela eludongeni lwayo, selimisiwe ikhuselo.
6. Amasango asemilanjeni avuliwe, linyibilikile ibhotwe.
7. Kugqityiwe kwelokuba iya kuhlutywa, imkiswe, nabakhonzazana bayo badumzele ngokwelizwi lamavukuthu, bebetha ezifubeni zabo.
8. INineve injengechibi lamanzi, kususela koko yabakhoyo; bayabaleka noko; kuba angathiwa, Yimani, yimani! hayi, akubikho uphethulayo.
9. Phangani isilivere, phangani igolide; akunakuphela ukuxhotyiswa ngobuninzi beempahla zonke ezinqwenelekayo.
10. Kuthe qongqololo, kwathi qongqololo, kwaba selubala; intliziyo inyibilikile, amadolo ayagevezela; yinimba emanqeni onke, ubuso bonke buphela buba luthuthu.
11. Siphi na isikhundla seengonyama, nedlelo elo leengonyama ezintsha, ebilihamba ingonyama induna nengonyamakazi, ithole lengonyama, kungekho wothusayo?
12. Ingonyama le iqwenga okwanele amathole ayo, ikrwitshele iingonyamakazi zayo, izalise imingxuma yayo ngexhoba, nezikhundla zayo ngento eqwengiweyo.
13. Uthi uYehova wemikhosi, Yabona, ndikuchasile; ndozitshisa iinqwelo zakho zokulwa zibe ngumsi, ikrele lizidle iingonyama zakho ezintsha; ndilinqumle ehlabathini ixhoba lakho, lingabi savakala izwi labathunywa bakho.
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|