Bible Study: FrontPage




 

Nehemiah, Chapter 11

Bible Study - Nehemiah 11 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Bahlala abathetheli babantu eYerusalem; abanye abantu bawisa amaqashiso, ukuba kungeniswe abe mnye kwabalishumi, ahlale eYerusalem kuwo umzi ongcwele, nezinye izahlulo ezisithoba zihlale kweminye imizi.
  
2. Abantu bawasikelela amadoda onke aqhutywa yintliziyo ukuba ahlale eYerusalem.
  
3. Zizo ezi iintloko zelizwe lakwaYuda, ezahlala eYerusalem; ke emizini yakwaYuda, yaba ngulowo wahlala elifeni lakhe, emizini yabo, ingamaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, nabakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon.
  
4. EYerusalem kwahlala ezoonyana bakaYuda, nezoonyana bakaBhenjamin. Koonyana bakaYuda: yanguAtaya, unyana kaUziya, unyana kaZekariya, unyana ka-Amariya, unyana kaShefatiya, unyana kaMahalaleli koonyana bakaPeretse;
  
5. noMahaseya, unyana kaBharuki, unyana kaKoli-hoze, unyana kaHazaya, unyana ka-Adaya, unyana kaYoyaribhi, unyana kaZekariya, unyana womSheloni.
  
6. Bonke oonyana bakaPeretse, ababehlala eYerusalem, ibingamakhulu amane, anamanci mathandathu anesibhozo, amadoda anobukroti.
  
7. Ngabo aba oonyana bakaBhenjamin: ibinguSalu, unyana kaMeshulam, unyana kaYohedi, unyana kaPedaya, unyana kaKolaya, unyana kaMahaseya, unyana kaItiyeli, unyana kaYesaya.
  
8. Emva kwakhe ibinguGabhayi-salayi, enamakhulu asithoba, anamanci mabini anesibhozo;
  
9. noYoweli unyana kaZikri, umphathi kubo, noYuda unyana kaSenwa, engowesibini kubaphathi bomzi.
  
10. Kubabingeleli: ibinguYedaya unyana kaYoyaribhi, noYakin,
  
11. noSeraya, unyana kaHilekiya, unyana kaMeshulam, unyana kaTsadoki, unyana kaMerayoti, unyana ka-Ahitubhi, inganga yendlu kaThixo,
  
12. nabazalwana babo ababesenza umsebenzi wendlu, bengamakhulu asibhozo, anamanci mabini anababini; noAdaya unyana kaYeroham, unyana kaPelaleya, unyana ka-Amtsi, unyana kaZekariya, unyana kaPashure, unyana kaMalekiya,
  
13. nabazalwana bakhe, iintloko zezindlu zooyise, bengamakhulu amabini, anamanci mane anababini; noAmashesayi, unyana ka-Azareli, unyana ka-Azayi, unyana kaMeshilemoti, unyana kaImere;
  
14. nabazalwana babo, amagorha anobukroti, belikhulu elinamanci mabini anesibhozo; umphathi kubo ibinguZabhediyeli unyana kaGedolim.
  
15. KubaLevi: ibinguShemaya unyana kaHashubhi, unyana ka-Azarikam, unyana kaHashabhiya, unyana kaBhuni,
  
16. noShabhetayi, noYozabhadi, ababephethe umsebenzi ongaphandle wendlu kaThixo, kwiintloko zabaLevi;
  
17. noMataniya unyana kaMika, unyana kaZabhedi, unyana ka-Asafu, obengumhlabeli wezokudumisa emthandazweni, noBhakebhukiya, obengowesibini kubazalwana bakhe, noAbheda, unyana kaShamuwa, unyana kaGalali, unyana kaYedutun.
  
18. Bebonke abaLevi emzini ongcwele babengamakhulu amabini, anamanci asibhozo anabane.
  
19. Abamasango: ibinguAkubhi, noTalemon, nabazalwana babo abagcina amasango, belikhulu elinamanci asixhenxe anababini.
  
20. Amanye amaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, babekweminye imizi yonke yakwaYuda, elowo eselifeni lakhe.
  
21. Ke abakhonzi betempile babehlala eOfele; abakhonzi abo betempile babephethwe nguTsiha noGishpa.
  
22. Umphathi wabaLevi eYerusalem ibingu-Uzi unyana kaBhani, unyana kaHashabhiya, unyana kaMataniya, unyana kaMika koonyana baka-Asafu, iimvumi, malunga nomsebenzi wendlu kaThixo.
  
23. Ngokuba umthetho wokumkani ubuphezu kwabo, nomnqophiso wenene ubuphezu keemvumi malunga nento yemini ngangemini yayo.
  
24. UPetaya unyana kaMeshezabheli, koonyana bakaZera, unyana kaYuda, ubesisandla sokumkani ezintweni zonke zabantu.
  
25. Emizini nasemaphandleni ayo kwahlala inxenye yoonyana bakaYuda eKiriyati ka-Arbha namagxamesi ayo, naseDibhon namagxamesi ayo, naseKabhetseli nemizi yayo,
  
26. naseYeshuwa, naseMolada, naseBhete-palete,
  
27. naseHatsore-shuwali, naseBher-shebha namagxamesi ayo,
  
28. naseTsikelage, naseMekona namagxamesi ayo,
  
29. nase-Enrimon, naseTsora, naseYarmuti,
  
30. naseZanowa, naseAdulam namagxamesi ayo, naseLakishe, nasemaphandleni ayo, naseAzeka namagxamesi ayo. Bahlala ke, bathabathela eBher-shebha besa emfuleni wakwaHinom.
  
31. Oonyana bakaBhenjamin bathabathela eGebha, besa eMikimas, naseAya, naseBheteli namagxamesi ayo,
  
32. naseAnatoti, naseNobhi, naseAnaniya,
  
33. naseHatsore, naseRama, naseGitayim,
  
34. naseHadidi, naseTsebhoyim, naseNebhalati,
  
35. naseLode, naseOno emfuleni weengcibi.
  
36. NakubaLevi kwaphuma amaqela kwaYuda, eza kwaBhenjamin.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES