Bible Study: FrontPage




 

Nehemiah, Chapter 5

Bible Study - Nehemiah 5 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ke kaloku kwabakho ukukhala okukhulu kwabantu nabafazi babo ngabazalwana babo amaYuda.
  
2. Bekukho ababesithi, Sibaninzi thina, oonyana bethu, neentombi zethu; masamkele ingqolowa, ukuze sidle, siphile.
  
3. Bekukho nababesithi, Amasimi ethu, nezidiliya zethu, nezindlu zethu, sibambisile ngazo; masamkele ingqolowa ngenxa yendlala.
  
4. Bekukho nababesithi, Siboleke imali yokurhafela ukumkani, ngokubambisa ngamasimi ethu nezidiliya zethu.
  
5. Kaloku inyama yethu ikwanjengenyama yabazalwana bethu, noonyana bethu bakwanjengoonyana babo; ukanti siyabanyanzela oonyana bethu neentombi zethu, ukuba babe ngamakhoboka; ezintombini zethu kukho nesezinyanzelwe; akukho mandla esandleni sethu, amasimi ethu nezidiliya zethu zizezabanye nje.
  
6. Wavutha ke kakhulu umsindo wam, ndakukuva ukukhala kwabo, naloo mazwi.
  
7. Ndafuna iqhinga entliziyweni yam, ndabambana nabanumzana nabaphathi, ndathi kubo, Niyadlana ngokuboleka. Ndabamisela ibandla elikhulu,
  
8. ndathi kubo, Thina, ngangoko sinako, sibathengile sabakhulula abazalwana bethu amaYuda, ebe kuthengiswe ngabo kwiintlanga. Niya kusuka ke nina nithengise na ngabazalwana benu, ukuze bathengise ngeziqu zabo kuthi? Bathi cwaka, abafumana lizwi lakuphendula.
  
9. Ndathi, Ayilungile le nto niyenzayo; nibe ningafanele na ukuhamba ekoyikeni uThixo wethu, ngenxa yokungcikiva kweentlanga eziziintshaba zethu?
  
10. Kananjalo mna, abazalwana bam, namadodana akwam, sibaboleke imali nengqolowa; makhe sikuyeke oku kuboleka ngokubambisa.
  
11. Khanibabuyisele kwanamhlanje amasimi abo, nezidiliya zabo, nezinquma zabo, nezindlu zabo; nesekhulu isahlulo semali, nesengqolowa, nesewayini entsha, neseoli, eniyibize kubo iyinzuzo.
  
12. Bathi, Siya kusibuyisa, singabizi nto kubo; siya kwenza njengoko utshoyo. Ndabiza ababingeleli, ndabafungisa ukuba benze ngokwelo lizwi.
  
13. Kananjalo ndavuthulula isondo lengubo yam, ndathi, UThixo makenjenje ukubavuthulula ezindlwini zabo, nasekuxelengeni kwabo, bonke abantu abangayi kulimisa elo lizwi; mabenjiwe nje ukuvuthululwa, balambathe. Lathi lonke ibandla, Amen; bamdumisa uYehova. Benza ke abantu ngokwelo lizwi.
  
14. Kananjalo kususela kumhla endamiselwa ukuba ndibe libamba labo ezweni lakwaYuda, ndithabathela kumnyaka wamashumi amabini, ndezisa kumnyaka wamashumi amathathu anamibini ka-Artashashta ukumkani, iyiminyaka elishumi elinamibini, mna nabazalwana bam asidlanga kudla kwabamba.
  
15. Ke amabamba okuqala abephambi kwam enza kwaba nzima ebantwini, athabatha kubo isonka newayini; emveni koko athabatha amashumi amane eeshekele zesilivere; kananjalo amadodana akwawo enza ngegunya ebantwini. Ke mna andenjanga njalo, ngokoyika uThixo.
  
16. Kananjalo ndabamba emsebenzini wolo donga; asithenganga masimi; onke amadodana akwam ayehlanganisene khona emsebenzini.
  
17. Ke amaYuda, abaphathi, amadoda alikhulu elinamanci mahlanu, kwanawezayo kuthi, evela ezintlangeni ezisijikelezileyo, abe esetafileni yam.
  
18. Into ebe ilungiselelwa imini enye yaba yinkomo, neegusha ezikhethiweyo ezintandathu, neentaka, bekusenzelwa mna; neentlobo zonke ezininzi zewayini ngeentsuku ezilishumi; kuloo nto andibizanga kudla kwabamba, ngokuba yayinzima inkonzo phezu kwaba bantu.
  
19. Ndikhumbulele okulungileyo, Thixo wam, ngako konke endikwenzele aba bantu.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES