Bible Study: FrontPage




 

Proverbs, Chapter 20

Bible Study - Proverbs 20 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ingumgxeki iwayini, singumxokozeli isiselo esinxilisayo; Bonke abayotywe yiyo abalumkile.
  
2. Ngumgqumo onjengowengonyama entsha umothuso wokumkani; Omqumbisayo wona umphefumlo wakhe.
  
3. Kuluzuko endodeni ukuhlalela kude nengxabano; Ke zona izimathane zonke ziyavungama.
  
4. Ebusika ivila alilimi; Liyafuna ngexa lokuvuna, kungabikho nto.
  
5. Ngamanzi anzulu icebo entliziyweni yendoda, Kanti indoda enengqondo iyalirhola.
  
6. Uninzi lwesintu luyayihlangabeza indoda enenceba kulo; Ke yona indoda enyanisileyo, ngubani na ongayifumanayo?
  
7. Ohamba ngengqibelelo yakhe elilungisa, Hayi, uyolo loonyana bakhe emva kwakhe!
  
8. Ukumkani, ehleli esihlalweni sokugweba, Uchithachitha ububi bonke ngamehlo akhe.
  
9. Ngubani na ongathi, Ndiyiqaqambisile intliziyo yam, Ndihlambulukile esonweni sam?
  
10. Amatye ngamatye, iiefa ngee-efa, Ngamasikizi kuYehova ezo nto zombini.
  
11. Nenkwenkwe iyazazisisa ngeentlondi zayo, Nokuba kuqaqambile na, nokuba kuthe tye na, ukwenza kwayo.
  
12. Indlebe evayo, neliso elibonayo, UYehova uzenzile ezo zinto zombini.
  
13. Musa ukuthanda ubuthongo, hleze uhlwempuzeke; Vula amehlo akho, uhluthe kukudla.
  
14. Imbi, imbi! utsho othengayo; Emke, andule aqhayise.
  
15. Kukho igolide, neekorale ezininzi; Ke yona impahla enqabileyo ngumlomo onokwazi.
  
16. Thabatha ingubo yakhe omele omnye; Menze isibambiso ngenxa yabasemzini.
  
17. Sinencasa endodeni isonka sobuxoki; Ke emveni koko umlomo wayo uzala luhlalu.
  
18. Iingcinga zizinyaswa yingcebiswano; Yilwa imfazwe unecebo elilungileyo.
  
19. Ohamba ehleba uhlakaza ucweyo; Ungadibani nepholopholo.
  
20. Otshabhisa uyise nonina, Isibane sakhe sicima ebumnyameni phakathi.
  
21. Ilifa elizuzwe buphuthuphuthu ekuqaleni, Ukuphela kwalo akunantsikelelo.
  
22. Musa ukuthi, Ndiya kubuphindezela ububi; Thembela kuYehova, wokusindisa.
  
23. Ngamasikizi kuYehova amatye ngamatye; Nesikali esikhohlisayo asilungile.
  
24. Kuvela kuYehova ukunyathela kwendoda; Umntu angathini na ukuyiqonda indlela yakhe?
  
25. Sisirhintyelo emntwini ukufumana athi, Ingcwele, Aze aqale emva kwesibhambathiso, aphicothe.
  
26. Uchithachitha abangendawo ukumkani olumkileyo, Aguqulele phezu kwabo umlenze wenqwelo.
  
27. Sisibane sikaYehova umphefumlo womntu, Siphengulula zonke iingontsi zombilini.
  
28. Inceba nenyaniso ilondoloza ukumkani; Uyixhasa itrone yakhe ngenceba.
  
29. Isihombo samadodana ngamandla awo; Ubuhle bamadoda amakhulu zizimvi.
  
30. Imivumbo etyabulayo iguxa ububi; Izibetho ziguxa iingontsi zombilini.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES