|
|
Psalms, Chapter 116
1. Ndiyamthanda, ngokuba uYehova eliva Ilizwi lam, ukutarhuzisa kwam.
2. Ngokuba endithobele indlebe yakhe, Ndiya kumnqula ngemihla yam yonke.
3. Izintya zokufa zandijikela, Iingxingongo zelabafileyo zandifumana, Ndafunyanwa ziimbandezelo nesingqa la.
4. Ndanqula ke igama likaYehova, ndathi, Yehova, ndiya kukhunga, siza umphefumlo wam.
5. UYehova unobabalo, ulilungisa, UThixo wethu unemfesane.
6. Ngumgcini wabazizidenge uYehova; Ndandiswele, wandisindisa.
7. Buyela ekuphumleni kwakho, mphefumlo wam, Ngokuba uYehova ukuphatha kakuhle;
8. Ngokuba ewuhlangule umphefumlo wam ekufeni, Iliso lam ezinyembezini, Unyawo lwam ekungqulekeni.
9. Ndiya kuhamba-hamba phambi koYehova Emazweni abaphilileyo.
10. Ndiyakholwa, xa ndithethayo; Mna ndicinezelekile kunene.
11. Ndathi mna ekuphakuzeleni kwam, Bonke abantu ngamaxoki.
12. Ndingambuyisela ngantoni na uYehova Konke ukundiphatha kwakhe kakuhle?
13. Ndophakamisa indebe yosindiso, Ndinqule igama likaYehova.
14. Ewe, ndozizalisa izibhambathiso zam kuYehova, Phambi kwabantu bakhe bonke kalokunje.
15. Kunqabile emehlweni kaYehova Ukufa kwakhakhe benceba.
16. Okunene, Yehova, ndingumkhonzi wakho, Ndingumkhonzi wakho, unyana womkhonzazana wakho; Uzicombulule iimbophelelo zam.
17. Ndiya kubingelela kuwe umbingelelo wombulelo, Ndinqule igama likaYehova.
18. Ewe, ndiya kuzizalisa izibhambathiso zam kuYehova, Phambi kwabantu bakhe bonke,
19. Ezintendelezweni zendlu kaYehova, Esazulwini sakho, Yerusalem. Haleluya!
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|