Bible Study: FrontPage




 

Psalms, Chapter 147

Bible Study - Psalms 147 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Haleluya! Ngokuba kulungile ukuvuma ngoThixo wethu; Ngokuba kumnandi, ifanelekile indumiso.
  
2. Umakhi weYerusalem nguYehova; Abagxothwa bakwaSirayeli ubabuthela khona.
  
3. Ulophilisa abaphuke intliziyo, Abophe amanxeba abo;
  
4. Ulobala inani leenkwenkwezi, Ezibiza zonke ngamagama.
  
5. Inkulu iNkosi yethu, inamandla amakhulu; Ingqondo yayo ayiphele ndawo.
  
6. Ulophakamisa abalulamileyo nguYehova, Uthobela abangendawo emhlabeni.
  
7. Hlabelani kuYehova eyokubulela, Mbetheleni uhadi uThixo wethu.
  
8. Ulosibekelisa izulu ngamafu, Ulolungisela umhlaba imvula; Ulontshulisa utyani ezintabeni;
  
9. Ulonika inkomo ukudla, Namathole ehlungulu alilayo.
  
10. Akabunanze nganto ubugorha behashe, Akakholiswa zizitho zendoda;
  
11. UYehova ukholiswa ngabamoyikayo, Abalinde inceba yakhe.
  
12. Mncome uYehova, Yerusalem. Mdumise uThixo wakho, Ziyon:
  
13. Ngokuba eyomelezile imivalo yamasango akho, Ebasikelele abantwana bakho phakathi kwakho.
  
14. Ngulomisa uxolo emideni yakho, Wakuhluthisa ngengqolowa etyebileyo.
  
15. Ulothumela intetho yakhe ehlabathini, Ilizwi lakhe ligidima ngokukhawuleza;
  
16. Ulonika ikhephu njengoboya bezimvu, Ugcwayela iqabaka njengothuthu,
  
17. Ephosa umkhenkce wakhe njengamaqhekeza; Ngubani na onokuma phambi kwengqele yakhe?
  
18. Uthumela ilizwi lakhe, ezo nto azinyibilikise; Uvuthuzisa umoya wakhe, aqukuqele amanzi.
  
19. Uloxelela uYakobi ilizwi lakhe, USirayeli imimiselo yakhe namasiko akhe.
  
20. Akenjanga ngalo kolunye uhlanga, Namasiko aluwazi. Haleluya!


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES