Bible Study: FrontPage




 

Psalms, Chapter 2

Bible Study - Psalms 2 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Yini na ukuba iintlanga zenze imbuthumbuthu, Izizwe zicamange into engeyakonto?
  
2. Ookumkani behlabathi bazimisile, Izidwangube zabhunga NgoYehova nangoMthanjiswa wakhe;
  
3. Besithi, Masiziqhawule iimbophelelo zabo, Sizilahle izintya zabo kuthi.
  
4. Ohleli emazulwini uyahleka, INkosi iyabagculela.
  
5. Iya kwandula ithethe kubo ngomsindo wayo, Ibakhwankqise ngokuvutha kwayo.
  
6. Ithi, Mna ke ndimmisile ukumkani wam Phezu kweZiyon, intaba yam engcwele.
  
7. Athi yena, Ndiya kuwuvakalisa ummiselo: UYehova uthe kum, UnguNyana wam wena; Mna namhla ndikuzele.
  
8. Cela kum, ndikunike iintlanga zibe lilifa lakho, Iziphelo zehlabathi zibe zezakho.
  
9. Uya kuzivikiva ngentonga yentsimbi, Uzihlekeze, zinge zizitya zodongwe.
  
10. Ngoko ke, nina bokumkani, qiqani; Bagwebi basehlabathini, yalekani.
  
11. Mkhonzeni uYehova nisoyika, Gcobani nithuthumela.
  
12. Mangeni uNyana, hleze aqumbe, nitshabalale endleleni, Ngokuba ungahle uvuthe umsindo wakhe. Hayi, uyolo lwabo bonke abazimela ngaye!


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES