Bible Study: FrontPage




 

Psalms, Chapter 22

Bible Study - Psalms 22 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Kumongameli: ngeyelexhama lesifingo. Umhobe kaDavide. Thixo wam, Thixo wam, undilahleleni na? Ukude ngani na ekusindisweni kwam, nasemazwini okubonga kwam?
  
2. Thixo wam, ndiyabiza emini, ungaphenduli; Nasebusuku ndiyabiza, andithozanyiswa noko.
  
3. Ungcwele ke wena, Ungulohlala ezindumisweni zakwaSirayeli.
  
4. Oobawo bakholosa ngawe, Bakholosa, wabasiza;
  
5. Bakhala kuwe, basinda; Bakholosa ngawe, abadana.
  
6. Ke mna ndingumbungu, andimntu; Ndisisingcikivo soluntu, into edelekileyo ebantwini.
  
7. Bonke abandibonayo bayandigculela; Bayasineka, bahlunguzela intloko;
  
8. Bathi, Makazilahlele kuYehova, amsize, Amhlangule kaloku, ngokuba emthandile.
  
9. Ewe, nguwe umtyhobozisi wam esizalweni, Inkolosisi yam ndisemabeleni kama.
  
10. Ndalahlelwa kuwe kwasesizalweni; Kwasembilinini kama ubunguThixo wam.
  
11. Musa ukuba kude nam, ngokuba isondele imbandezelo, Ngokuba akukho mncedi.
  
12. Ndingqongwe ziinkunzi ezininzi, Ndihlanganyelwe zeziziimbalasane zaseBhashan.
  
13. Zindakhamele umlomo wazo, Njengengonyama eqwengayo, egqumayo.
  
14. Ndiphalele njengamanzi, Ahlukene onke amathambo am; Yanjengomthwebeba intliziyo yam, Inyibilikile phakathi kwezibilini zam.
  
15. Omile njengegophe amandla am, Ulwimi lwam lunamathele ekhuhlangubeni lam; Undibeka eluthulini lokufa.
  
16. Ngokuba izinja zindirhawule, Ibandla labenzi bokubi lindingungele; Bagqobhoza izandla zam neenyawo zam.
  
17. Ndinokuwabala onke amathambo am; Bona bayandijonga, bayandibonela,
  
18. Babelana ngeengubo zam, Isambatho sam basenzela amaqashiso.
  
19. Ke wena, Yehova, musa ukuba kude; Mandla am, khawuleza undincede.
  
20. Wuhlangule ekreleni umphefumlo wam, Okuphela kwawo, ethupheni lenja.
  
21. Ndisindise emlonyeni wengonyama, Nasezimpondweni zenqu uya kundiphendula.
  
22. Ndiya kulazisa igama lakho kubazalwana bam, Ndikudumise phakathi kwebandla, ndithi,
  
23. Nina nimoyikayo uYehova, mdumiseni; Nonke, mbewu kaYakobi, mzukiseni, Nimhlonele nina, mbewu yonke kaSirayeli.
  
24. Kuba azidelekanga, azibanga nazothe kuye iintsizi zolusizana; Akabusithelisanga ubuso bakhe kuye; Ekuzibikeni kwakhe kuye waphulaphula.
  
25. Ivela kuwe indumiso yam ebandleni elikhulu; Nezibhambathiso zam ndiya kuzizalisa phambi kwabamoyikayo.
  
26. Baya kudla abalulamileyo, bahluthe; Baya kudumisa uYehova abamngxamelayo. Ngamana yaphila intliziyo yenu ngonaphakade!
  
27. Ziya kukhumbula zibuyele kuYehova zonke iziphelo zehlabathi, Iqubude phambi kwakhe yonke imizalwane yeentlanga:
  
28. Ngokuba bobukaYehova ubukumkani, Nguye umlawuli ezintlangeni.
  
29. Baya kudla, baqubude, bonke abatyebileyo behlabathi; Baya kuguqa phambi kwakhe bonke abatshona eluthulini, Abangawugciniyo umphefumlo wabo.
  
30. Imbewu iya kumkhonza; Kuya kubaliselwa isizukulwana ngayo iNkosi.
  
31. Baya kuza baxele ubulungisa bayo Kubantu abaza kuzalwa, ukuba oko ukwenzile.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES