Bible Study: FrontPage




 

Psalms, Chapter 30

Bible Study - Psalms 30 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Umhobe: ingoma yokusungulwa kwayo indlu. EkaDavide. Ndiya kukuphakamisa, Yehova, kuba undirholile wandinyusa, Akwazivuyisa iintshaba zam ngam.
  
2. Yehova, Thixo wam, Ndazibika kuwe, wandiphilisa;
  
3. Yehova, uwunyusile kwelabafileyo umphefumlo wam, Wandidlisa ubomi, ukuba ndingehli ndiye emhadini.
  
4. Mbetheleni uhadi uYehova, nina bakhe benceba, Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele,
  
5. Ngokuba yinto yephanyazo umsindo wakhe, Itarhu lakhe liyinto yobomi; Ngokuhlwa kulalisa ukulila, Kusasa kubakho ukumemelela.
  
6. Ke mna ndathi ebunqobeni bam, Andiyi kushukunyiswa naphakade.
  
7. Yehova, enkolosekweni yakho ubuyiqinisile intaba yam; Ubusithelisile ubuso bakho, ndakhwankqiswa.
  
8. Ndadanduluka kuwe, Yehova, Ndakhunga kuYehova:
  
9. Ndathi, Kukho nzuzo yani na egazini lam, ekuhleni kwam ndiye esihogweni? Lokudumisa na uthuli? loyixela na inyaniso yakho?
  
10. Yiva, Yehova, undibabale; Yehova, yiba ngumncedi wam.
  
11. Wakuguqula ukulila kwam, kwaba kukuqamba; Wandikhulula ezirhwexayo, wandibhinqisa uvuyo,
  
12. Ukuze uzuko lwam luvume ngawe, lungathi cwaka. Yehova, Thixo wam, ndiya kubulela kuwe ngonaphakade.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES