Bible Study: FrontPage




 

Psalms, Chapter 32

Bible Study - Psalms 32 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. EkaDavide. Eyokuqiqa. Hayi, uyolo lwakhe olukreqo luxolelweyo, osono siselelweyo!
  
2. Hayi, uyolo lomntu angabubaleliyo uYehova kuye ubugwenxa, Ekungekho kukhohlisa emoyeni wakhe!
  
3. Ndithi ndakuthi cwaka, aluphale amathambo am Ngokubhonga kwam imihla yonke.
  
4. Ngokuba imini nobusuku, besinzima phezu kwam isandla sakho, Baguquka ubumanzi bam, baba kukubalela kwasehlotyeni. (Phakamisani.)
  
5. Ndikwazisile isono sam, ubugwenxa bam andabugquma; Ndathi, Ndoluvuma ukreqo lwam kuYehova; Wabuxolela ke wena ubugwenxa besono sam. (Phakamisani.)
  
6. Ngenxa yoko mabathandaze kuwe bonke abenceba ngexesha lokukufumana; Inene, ekukhukuleni kwamanzi amaninzi Akayi kufika kubo.
  
7. Wena uyindawo yokuzimela kwam; uyandilondoloza embandezelweni, Undingqonge ngomemelelo lokusiza. (Phakamisani.)
  
8. Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele indlela owohamba ngayo: Ndiya kukucebisa, iliso lam likuwe.
  
9. Musani ukuba njengamahashe, njengoondlebende, ukungabi nangqondo; Abazivatho zingumkhala, neentambo zokubabopha umlomo; Bengenazo abasayi kusondela kuwe.
  
10. Mkhulu umvandedwa wongendawo; Ke okholosa ngoYehova, yena uya kumjikela ngenceba.
  
11. Vuyani kuYehova, nigcobe, nina malungisa, Nimemelele, nina nonke bantliziyo zithe tye.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES