Bible Study: FrontPage




 

Psalms, Chapter 34

Bible Study - Psalms 34 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. EkaDavide; oko wazenza ophambene ingqondo phambi koAbhimeleki, waza yena wamgxotha, wahamba. Ndiya kumbonga uYehova ngamaxesha onke, Ihlale isemlonyeni wam indumiso yakhe.
  
2. Uya kuqhayisa umphefumlo wam ngoYehova; Bova abalulamileyo, bavuye.
  
3. Menzeni mkhulu kunye nam uYehova, Siliphakamise kunye igama lakhe.
  
4. Ndamfuna uYehova, wandiphendula; Wandihlangula kwiinto zonke endinxunguphala zizo.
  
5. Babheka kuye, bakhazimla; Ubuso babo ababa nazintloni.
  
6. Usizana lwadanduluka, weva uYehova, Walusindisa ezimbandezelweni zalo zonke.
  
7. Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo, Sibahlangule.
  
8. Yivani, nibone ukuba ulungile uYehova. Hayi, uyolo lomfo ozimela ngaye!
  
9. Moyikeni uYehova, nina bangcwele bakhe, Ngokuba abanakuswela abamoyikayo.
  
10. Iingonyama ezintsha ziyaswela, zilambe; Ke bona abamfunayo uYehova abasweli nanye into elungileyo.
  
11. Yizani, bonyana, phulaphulani kum; Ndonifundisa ukoyika uYehova.
  
12. Ngubani na umntu obungxameleyo ubomi, Othanda imihla yokubona okulungileyo?
  
13. Gcina ulwimi lwakho ebubini, Umlomo wakho ungathethi nkohliso.
  
14. Suka ebubini, wenze okulungileyo; Funa uxolo, uluphuthume.
  
15. Amehlo kaYehova akumalungisa, Iindlebe zakhe zisekuzibikeni kwawo.
  
16. Ubuso bukaYehova bujonge abenzi bokubi, Ukuba akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo.
  
17. Akhala, weva uYehova; Wawahlangula ezimbandezelweni zawo zonke.
  
18. Usondele uYehova kwabantliziyo zaphukileyo, Abasindise abamoya utyumkileyo.
  
19. Buninzi ububi obulihlelayo ilungisa, Ke uYehova ulihlangula kubo bonke.
  
20. Uyawagcina onke amathambo alo, Akwaphuki nalinye kuwo.
  
21. Ububi buyambulala ongendawo; Abathiyi belungisa bayalithwala ityala.
  
22. UYehova uyawukhulula umphefumlo wabakhonzi bakhe, Bangathwali tyala bonke abazimela ngaye.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES