|
|
Psalms, Chapter 41
1. Kumongameli. Umhobe kaDavide. Hayi, uyolo lwalowo unyamekela ihlwempu! Ngomhla wobubi uYehova uya kumhlangula.
2. UYehova uya kumlondoloza amgcine, aphile. Kuya kuthiwa unoyolo yena ehlabathini; Ungamnikeli elitheni leentshaba zakhe.
3. UYehova uya kumxhasa elukhukweni lobulwelwe; Uya kuluguqula ukhuko lwakhe lonke esifeni sakhe.
4. Ndithi mna, Yehova, tarhu; Philisa umphefumlo wam, ngokuba ndonile kuwe.
5. Iintshaba zam zithetha kakubi ngam; Zithi, Uya kufa nini na, lidake igama lakhe?
6. Nothe weza kundilunguza, uthetha into ekhohlakeleyo; Intliziyo yakhe ibutha ubutshinga; Uphuma phandle, abuthethe.
7. Basebezelana ngam bonke abandithiyayo; Bacinga ububi ngam.
8. Bathi, Unanyekwe bubutshijolo, Engoleleyo nje, akayi kubuya avuke.
9. Kwanendoda ebixolelene nam, ebe ndikholose ngayo, Ebisidla isonka sam, indiphakamisele isithende sayo.
10. Wena Yehova, ndibabale, undiphakamise, Ndibabuyekeze.
11. Ndazi ngale nto, ukuba undinonelele, Yokokuba lungenakundidumela utshaba lwam.
12. Mna ekugqibeleleni kwam uyandixhasa, Undimisa phambi kwakho ngonaphakade.
13. Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni. Amen, amen.
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|