|
|
Psalms, Chapter 6
1. Kumongameli wokubethelwa izinto ezineentambo: ngelamadoda ilizwi. Umhobe kaDavide. Yehova, musa ukundohlwaya unomsindo, Ungandithethisi unobushushu.
2. Ndibabale, Yehova, ngokuba ndintshwenyile; Ndiphilise, Yehova, ngokuba ekhwankqisiwe amathambo am.
3. Umphefumlo wam ukhwankqiswe kakhulu; Ke wena, Yehova, koda kube nini na?
4. Buya, Yehova, uwuhlangule umphefumlo wam; Ndisindise ngenxa yenceba yakho.
5. Ngokuba ekufeni akusekho kukukhumbula; Kwelabafileyo ngubani na osenokubulela kuwe?
6. Ndidiniwe kukugcuma kwam; Ndiludadisa ubusuku bonke ukhuko lwam, Ndiwenza manzi umandlalo wam ngeenyembezi zam.
7. Lonakele kukukhathazeka iliso lam; Laluphele ngenxa yababandezeli bam bonke.
8. Sukani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga; Ngokuba uYehova ulivile ilizwi lokulila kwam.
9. Ukuvile uYehova ukutarhuzisa kwam; UYehova umthandazo wam uyawamkela.
10. Ziya kudana, zikhwankqe kakhulu, zonke iintshaba zam; Ziya kubuyiswa zidanile ngephanyazo.
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|