Bible Study: FrontPage




 

Psalms, Chapter 8

Bible Study - Psalms 8 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Kumongameli: ngolwaseGati. Umhobe kaDavide. Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke! Wena uwambathise amazulu ngendili yakho.
  
2. Emlonyeni wabantwana nabanyayo useke amandla, Ngenxa yababandezeli bakho, Ukuze udambise utshaba nophindezelayo.
  
3. Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, Inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo:
  
4. Uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo?
  
5. Umsilelise kancinane ebuThixweni, Wamthi jize ngobuqaqawuli nangobungangamela.
  
6. Umphathise ubukhosi phezu kwemisebenzi yezandla zakho, Zonke izinto uzibeke phantsi kweenyawo zakhe:
  
7. Impahla emfutshane, neenkomo zonke ziphelele, Kwaneenyamakazi zonke;
  
8. Iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle, Into ehamba ngeendlela zolwandle.
  
9. Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke!


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES