|
|
Psalms, Chapter 86
1. Umthandazo kaDavide. Thoba indlebe yakho, Yehova, ndiphendule, Ngokuba ndilusizana, ndilihlwempu.
2. Wugcine umphefumlo wam, ngokuba ndingowenceba; Msindise, wena Thixo wam, umkhonzi wakho, Lo ukholose ngawe.
3. Ndibabale, Nkosi yam, Ngokuba ndidanduluka kuwe yonke imini.
4. Wuvuyise umphefumlo womkhonzi wakho, Ngokuba umphefumlo wam ndiwuphakamisela kuwe, Nkosi yam;
5. Ngokuba ulungile wena, Nkosi yam, uxolela; Umkhulu ngenceba kubo bonke abakunqulayo.
6. Wubekele indlebe umthandazo wam, Yehova, Ulibazele indlebe izwi lokutarhuzisa kwam.
7. Ngemini yokubandezelwa kwam ndinqula wena, Ngokuba uya kundiphendula.
8. Akukho unjengawe, Nkosi yam, phakathi koothixo; Akukho zenzo zinjengezakho.
9. Zonke iintlanga owazenzayo ziya kuza ziqubude phambi kwakho, Nkosi yam, Zizukise igama lakho.
10. Ngokuba umkhulu, wenza imisebenzi ebalulekileyo, UnguThixo wena wedwa.
11. Ndiyalele, Yehova, indlela yakho, Ndihambe ngenyaniso yakho; Yibandakanye intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho.
12. Ndiya kubulela kuwe, Nkosi yam, Thixo wam, ngentliziyo yonke, Ndilizukise igama lakho ngonaphakade:
13. Ngokuba inceba yakho ibe inkulu kum; Wawuhlangula umphefumlo wam kwelingaphantsi labafileyo.
14. Thixo, abakhukhumali basukele phezulu kum; Ibandla labanobungqwangangqwili lifuna umphefumlo wam; Abakumisi wena phambi kwabo.
15. Ke wena, Nkosi yam, unguThixo onemfesane, onobabalo, Ozeka kade umsindo, omkhulu ngenceba nenyaniso.
16. Ndibheke, undibabale; Mphe amandla akho umkhonzi wakho, Umsindise unyana womkhonzazana wakho.
17. Ndenzele umqondiso wokulungileyo, Bawubone abandithiyayo, badane, Kuba wena, Yehova, undincedile, wandithuthuzela.
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|