Bible Study: FrontPage




 

Revelation, Chapter 20

Bible Study - Revelation 20 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ndabona isithunywa sezulu, sisihla siphuma emazulwini, sinesitshixo senzonzobila, nomxokelelwane omkhulu esandleni saso.
  
2. Sayibamba inamba, loo nyoka yakudala enguMtyholi, uSathana ke, sayikhonkxa iminyaka eliwaka.
  
3. Sayiphosa enzonzobileni, sayivalela, satywina ngaphezu kwayo, ukuze ingabi sazilahlekisa iintlanga, ide izaliseke iminyaka eliwaka; emva koko imelwe kukukhululwa ixeshana elincinane.
  
4. Ndabona iitrone, nabahleli phezu kwazo, banikwa ugwebo. Ndayibona imiphefumlo yababenqunyulwe iintloko ngezembe, ngenxa yobungqina bukaYesu, nangenxa yelizwi likaThixo, abasukuba bengalinqulanga irhamncwa nomfanekiselo walo, abangalwamkelanga uphawu lwalo ebunzini nasesandleni sabo; badla ubomi, baba ngookumkani kunye noKristu iminyaka eliwaka.
  
5. Ke abafileyo abaseleyo ababuyanga badle bomi, yada yazaliseka iminyaka eliwaka. Olo luvuko lokuqala.
  
6. Unoyolo, ungcwele, lowo unesabelo eluvukweni lokuqala; ukufa kwesibini akunagunya kubo abanjalo; baya kusuka babe ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, babe ngookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.
  
7. Xa ithe yazaliseka iminyaka eliwaka, uSathana wokhululwa entolongweni yakhe;
  
8. aphume, aye kuzilahlekisa iintlanga ezisezimbombeni ezine zehlabathi, uGogi noMagogi, ukubahlanganisela emfazweni, abanani labo lingangentlabathi yaselwandle.
  
9. Banyuka, baya kububanzi behlabathi, bayirhawula inqaba yomkhosi wabangcwele, nomzi othandiweyo; kwehla umlilo uvela kuThixo, uphuma ezulwini, wabadla wabagqiba.
  
10. UMtyholi lowo ubalahlekisayo waphoswa edikeni lomlilo nesulfure, apho likhona irhamncwa nomprofeti obuxoki; baya kuthuthunjelwa imini nobusuku, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
  
11. Ndabona itrone emhlophe enkulu, nalowo uhleli phezu kwayo, owathi umhlaba nezulu wasaba ebusweni bakhe, azafunyanelwa ndawo ezo zinto.
  
12. Ndababona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo. Zavulwa iincwadi; kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo.
  
13. Lwathi ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa nelabafileyo kwabakhupha abafileyo abakhona; bagwetywa elowo ngokwemisebenzi yakhe.
  
14. Kwaza ukufa nelabafileyo kwaphoswa edikeni lomlilo. Oko kukufa kwesibini.
  
15. Wathi ongafunyanwanga ebhaliwe encwadini yobomi, waphoswa edikeni lomlilo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES