Bible Study: FrontPage




 

Revelation, Chapter 4

Bible Study - Revelation 4 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Emva koko ndabona, nango umnyango uvulekile emazulwini; ilizwi lokuqala endalivayo lalinjengexilongo, lithetha nam, lisithi, Nyukela apha, ndokubonisa iinto ezimele ukubakho emva kwezi.
  
2. Ndithe kwaoko ke ndaba kuMoya; nanko kumi itrone emazulwini, phezu kwetrone kukho ohleliyo.
  
3. Waye lowo uhleliyo, ukubonakala kwakhe, efana nelitye leyaspisi nelesardiyo; waye umnyama wenze isangqa etroneni apho, ufana nelesmarado ukubonakala kwawo.
  
4. Kwaye kwenze isangqa etroneni apho iitrone ezimashumi mabini anane; phezu kweetrone ezo ndabona amadoda amakhulu amashumi mabini anamane, ehleli, ethiwe wambu ngeengubo ezimhlophe, enezithsaba zegolide entloko.
  
5. Nasetroneni apho kuphuma imibane, neendudumo, nezandi; kuvutha izibane zomlilo ezisixhenxe phambi kwetrone, ezingabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo.
  
6. Phambi kwetrone kukho ulwandle lwegilasi, lufana nomkhenkce. Esazulwini setrone apho, nasesangqeni setrone, kukho izinto eziphilileyo ezine, zizele ngamehlo ngaphambili nangasemva.
  
7. Eyokuqala into ephilileyo ifana nengonyama; eyesibini into ephilileyo ifana nethole; eyesithathu into ephilileyo inobuso obungathi bobomntu; eyesine into ephilileyo ifana nokhozi luphaphazela.
  
8. Zaye zone izinto eziphilileyo ezo, iyileyo naleyo, zinamaphiko ngamathandathu ngeenxa zonke, nangaphakathi zizele ngamehlo; zingaphumli imini nobusuku, zisithi: Ingcwele, ingcwele, ingcwele INkosi uThixo uSomandla, Leyo yayikho, ikhoyo, izayo.
  
9. Xa zithi izinto eziphilileyo zibe zimnika uzuko nembeko nombulelo lowo uhleli etroneni, lowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni,
  
10. asuka awe amadoda amakhulu, amashumi mabini anamane, phambi kwalowo uhleli etroneni, aqubude kulowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni, aphose izithsaba zawo phambi kwetrone, esithi:
  
11. Ufanele, Nkosi, ukwamkela uzuko, nembeko, namandla; Ngokuba inguwe owadala zonke izinto, Nangenxa yokuthanda kwakho zikho, zadalelwa oko.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES