Bible Study: FrontPage




 

Romans, Chapter 9

Bible Study - Romans 9 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki, sibe nesazela sam sindingqinela ndiseMoyeni oyiNgcwele,
  
2. ukuba ndineentlungu kakhulu, nentuthumbo enkulu engapheliyo, entliziyweni yam.
  
3. Kuba bendingade ndinqwenele ukusingelwa phantsi mna ngokwam, ndahlukaniswe naye uKristu, ngenxa yabazalwana bam, abayimizalwane yam ngokwenyama,
  
4. abangamaSirayeli bona; ekukokwabo ukwenziwa oonyana, nokuzukiswa, nokuphiwa iminqoqhiso, nokuwiswa komthetho, nenkonzo kaThixo, namadinga;
  
5. abangababo ooyise; awaphuma kubo uKristu ngokwenyama, uThixo ongophezu konke, engowokubongwa kude kube ngunaphakade. Amen.
  
6. Ke, xa nditshoyo, andithethi nto nje, ngokungathi ilizwi likaThixo liphalele. Kuba asingabo bonke abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli;
  
7. kananjalo abathe, ngakuba beyimbewu ka-Abraham, baba ngabantwana bonke; kusuke kwathiwa, Imbewu yakho iya kubizwa ngoIsake;
  
8. oko kukuthi, asingabantwana benyama abangabantwana bakaThixo; ngabantwana bedinga ababalelwa ekuthini bayimbewu.
  
9. Kuba lilo eli ilizwi ledinga, Ngeli xesha nyakenye ndiya kuza, waye uSara eya kuba nonyana.
  
10. Alipheli apho ke; kwathi nakuRebheka, akubonÂ’ ukuba ukhawule ngamnye, ngoIsake ubawo wethu,
  
11. nakuba abantwana babengekazalwa, bengekenzi nto nelungileyo nembi, ukuze ingqibo kaThixo ngokonyulo ihlale ihleli, ingengokwasemisebenzini, ingokwalowo ubizayo:
  
12. kwathiwa kuye, Omkhulu uya kukhonza komnci;
  
13. njengokuba kubhaliwe kwathiwa, UYakobi ndamthanda, ke uEsawu ndamthiya.
  
14. Sithini na ke ngoko? Kukho ukuswela kulungisa kusini na kuye uThixo? Nakanye!
  
15. Kuba esithi kuMoses, Ndiya kuba nenceba kosukuba ndinenceba kuye, ndibe netarhu kosukuba ndinetarhu kuye.
  
16. Ngoko ke asikokothandayo, kanjalo asikokobalekayo; kokukaThixo onenceba.
  
17. Kuba isibhalo sithi kuFaro, Ndakuvelisela yona le nto, yokuba ndiwabonakalalisele kuwe amandla am, nokuthi laziswe igama lam kulo lonke ihlabathi.
  
18. Ngoko ke unenceba kwathanda ukumenzela inceba, athi ke athandayo amenze lukhuni.
  
19. Uya kuthi kum ngoko, Usasolelani na ke? Kuba ngubani na omelana necebo lakhe?
  
20. Ehla ke, mntundini! Ungubani na wena, ukuba uphendulane noThixo? Into exonxiweyo ingatsho na kumxonxi Wayo ukuthi, Yini na ukuba undenjenje ukundenza?
  
21. Khona akanagunya na umbumbi wodongwe ukwenza, ngadongwe lwambumba-nye, esinye isitya sibe sesembeko, nesinye sibe sesingesambeko?
  
22. Hi, ukuba ke uThixo, ethanda ukubonakalalisa ingqumbo yakhe, nokwazisa amandla akhe, wathwala enokuzeka kade okukhulu izitya zengqumbo, zilungiselwe intshabalalo;
  
23. ukuze abazise ubutyebi bozuko lwakhe ezityeni zenceba, abezilungisele uzuko ngenxa engaphambili;
  
24. ezi wazibizayo, kwathina aba, kungekuwo amaYuda odwa, kukwiintlanga nazo?
  
25. Njengokuba esithi nakwekaHoseya, Ndiya kubabiza abangebantu bam ngokuba ngabantu bam; Nongathandiweyo, ngokuba ngothandiweyo.
  
26. Kwakuya kuthi, apho kwabe kusithiwa kubo, Aningabantu bam nina, Babizwe apho ngokuthi, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.
  
27. Ke uIsaya udanduluka ngoSirayeli, esithi, Nangona inani loonyana bakaSirayeli lingangentlabathi yaselwandle, ngamasalela odwa aya kusindiswa;
  
28. kuba elifeza ilizwi, aligqibe ngobulungisa; ngokuba iNkosi iya kwenza ilizwi layo phezu komhlaba, ilifinyeze.
  
29. Kwanjengokuba uIsaya ebetshilo ngenxa engaphambili ukuthi, Ukuba iNkosi yemikhosi ibingasishiyelanga mbewu, Ngesibe saba njengeSodom, ngesibe senziwa safana neGomora.
  
30. Sithini na ke ngoko? Sithi, iintlanga ebezingasukeli bulungisa, zabubamba ubulungisa, ubulungisa ke baselukholweni;
  
31. kodwa yena uSirayeli, obesukela umthetho wobulungisa, akafikelelanga emthethweni wobulungisa.
  
32. Ngani na? Ngokuba ukusukela kwakhe kwaye kungengokwaselukholweni; kwaye kungathi kungokwasemisebenzini yomthetho. Kuba babetheka elityeni eli lokubetheka,
  
33. njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lokubetheka, Iliwa lesikhubekiso; bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES