|
|
Zechariah, Chapter 5
1. Ndabuya ndawaphakamisa amehlo am, ndakhangela, nantso incwadi esongwayo, iphaphazela.
2. Sathi kum, Ubona ntoni na? Ndathi, Ndibona incwadi esongwayo iphaphazela; ubude bayo buziikubhite ezimashumi mabini, nobubanzi bayo buziikubhite ezishumi-nye.
3. Sathi kum, Eso ke sisishwabulo esiphuma sihambe phezu kwelizwe lonke; ngokuba bonke abebayo baya kutshayelwa apha ngokokwayo; bonke abafungayo baya kutshayelwa ngaphaya ngokokwayo.
4. Ndisikhuphile, utsho uYehova wemikhosi; siya kungena endlwini yesela, nasendlwini yolifungayo ngobuxoki igama lam, silalise endlwini yakhe, siyigqibe nemithi yayo namatye ayo.
5. Saphuma isithunywa esibe sithetha nam, sathi kum, Khawuwaphakamise amehlo akho, ukhangele ukuba iyintoni na leyo iphumayo.
6. Ndathi ke, Yintoni na? Sathi, Yiefa leya iphumayo. Sathi, Yimbonakalo yabo leya ezweni lonke.
7. Nanko, kuphakama isiciko selothe, kuhleli umfazi phakathi kwe-efa.
8. Sathi, NguNgendawo lowo; samphosa phakathi kwe-efa, saliphosa ilitye lelothe emlonyeni wayo.
9. Ndawaphakamisa ke amehlo am, ndakhangela, nanko kuphuma abafazi ababini, umoya usemaphikweni abo; amaphiko abo abenjengamaphiko engwamza, bayithwala iefa phakathi komhlaba nezulu.
10. Ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Bayisa phi na iefa abaya?
11. Sathi kum, Baya kumakhela indlu ezweni leShinare; ithi yakugqitywa, bambeke khona esizeni sakhe.
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|