Bible Study: FrontPage




 

Zechariah, Chapter 7

Bible Study - Zechariah 7 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Kwathi ngomnyaka wesine kaDariyo ukumkani, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya ngosuku lwesine lwenyanga yesithoba, enguKisilevu.
  
2. IBheteli ke yathuma ooSharetsere noRegem-meleki nabantu bakhe, ukuba bambongoze uYehova,
  
3. bathethe kubabingeleli ababesendlwini kaYehova wemikhosi, nakubaprofeti, bathi, Ndilile na, ndizile na ngenyanga yesihlanu, njengoko ndisendenze ngako le minyaka ingaka?
  
4. Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi kum, lisithi,
  
5. Thetha kubantu bonke belizwe eli, nakubabingeleli, uthi, Oko benizila ukudla, nilila, ngenyanga yesihlanu nangeyesixhenxe, iminyaka ke engamashumi asixhenxe, ukuzila oko benizilela mna na?
  
6. Xa benisidla naxa benisela, bekungadli nina na, bekungaseli nina na?
  
7. Beningafanele kuwenza yini na amazwi, abewamemeza uYehova ngabaprofeti bamandulo, oko ibimiwe ichulumachile iYerusalem, kwanemizi yayo engeenxa zonke kuyo, naoko belimiwe elasezantsi nelasesithabazi?
  
8. Kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya, lisithi,
  
9. Utshilo uYehova wemikhosi ukuthi, Gwebani ngesigwebo senyaniso, nenze inceba nemfesane elowo kumzalwana wakhe.
  
10. Musani ukubacudisa abahlolokazi, neenkedama, nabasemzini, namahlwempu; musani ukucinga bubi entliziyweni yenu ngendoda engumzalwana wenu.
  
11. Abavumanga ke ukubaza indlebe; balirhola igxalaba elinjubaqa, bazithi nkqi iindlebe zabo, abeva.
  
12. Intliziyo yabo bayenza idayiman, ukuba bangawuvi umyalelo namazwi, abewathumela uYehova wemikhosi ngomoya wakhe, ngabaprofeti bamandulo; kwabakho ke uburhalarhume obukhulu obuvela kuYehova wemikhosi.
  
13. Kuya kuthi ke, njengoko ebememeza bengeva, benjenjalo ukumemeza, utsho uYehova wemikhosi, ndingevi.
  
14. Ndiya kubachithachithela ezintlangeni zonke ababengazazi; kube senkangala elizweni emva kwabo, kungacandi mntu, kungabuyi mntu; balenze ke ilizwe elinqwenelekayo kube senkangala kulo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES