Bible Study: FrontPage




 

1 Corinthians, Chapter 7

Bible Study - 1 Corinthians 7 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ke kaloku, ngokubhekisele kwiindawo enandibhalela ngazo, ndithi, Kumlungele umntu ukuba angamchukumisi umntu oyinkazana.
  
2. Kodwa ke, ngenxa yoomibulo, elowo makabe nowakhe umfazi, athi elowo abe neyakhe indoda.
  
3. Indoda mayimenzele okumfaneleyo umfazi wayo; enjenjalo ke nomfazi endodeni yakhe.
  
4. Umfazi akanagunya kowakhe umzimba, yindoda enalo; kwangokunjalo ke, nendoda ayinagunya kowayo umzimba, ngumfazi onalo.
  
5. Musani ukwala ukuhlangana, ningathanga nibe nivumelene okomzuzwana, ukuze ke nibe nethuba lokuzila ukudla nelokuthandaza; nibuye nihlangane ndawonye, ukuze anganihendi uSathana ngenxa yentswela-kuzeyisa kwenu.
  
6. Ndisitsho nje, ndiyabonisa; anidithumi mntu.
  
7. Kuba ndinga bonke abantu bangaba njengam nje; kodwa ke elowo unesakhe isipho, asibabalwe nguThixo; omnye uba naso ngokunje, omnye abe naso ngokunjeya.
  
8. Ndithi ke kwabangazekanga nabangendanga, nakubahlolokazi, kubalungele ukuba bathe bahlala njengam nje.
  
9. Kodwa ke, ukuba abanakuzeyisa, mabazeke, mabende, kuba kukhona kulungileyo ukuba kuzekwe, kwendiwe, kunokutshiseka.
  
10. Ke kaloku abazekileyo nabendileyo ndiyabathethela, phofu ingendim, iyiNkosi; ndithi, Umfazi makangahlukani nendoda
  
11. (ke ukuba uthe wahlukana nayo, makahlale angendi, okanye makaxolelaniswe nendoda yakhe); indoda mayingamali umfazi wayo.
  
12. Ke kaloku kwabanye ndithi mna, akutsho iNkosi, Ukuba kukho mzalwana uthile unomfazi ongakholiweyo, aze umfazi lowo athande ukuhlala naye, makangamali.
  
13. Nomfazi onendoda engakholiweyo, ize yona ithande ukuhlala naye, makangayali.
  
14. Kuba indoda leyo ingakholiweyo ingcwalisiwe nguye umfazi, nomfazi lowo ungakholiweyo ungcwalisiwe yiyo indoda; okanye abantwana benu ngebeba baziinqambi; kungoku ke bangcwele.
  
15. Kodwa ke ukuba lowo ungakholiweyo uyahluka, makahluke; umzalwana nokuba ngudade akabotshelelwe, xa kunjalo; ke uThixo usibizele eluxolweni.
  
16. Kuba, wazi ngani na, mfazi, ukuba woyisindisa indoda yakho? Wazi ngani na, ndoda, ukuba womsindisa umfazi wakho?
  
17. Ke, njengoko uThixo wamabelayo ulowo, njengoko iNkosi imbizileyo ulowo, makahambe ngokunjalo. Ndimisa ngokunjalo ke kuwo onke amabandla.
  
18. Kukho mntu wabizwa engowalukileyo na? Makangazenzi ongalukileyo. Kukho mntu wabizwa engalukanga na? Makangaluki.
  
19. Ukwaluka oku akunto, nokungaluki oku akunto; okuyinto kukubamba imithetho kaThixo.
  
20. Elowo makahlale elubizweni abizwe ekulo.
  
21. Wabizwa ulikhoboka na? Ungakhathali koko; nokuba ke unokukhululeka, nyula kanye oko.
  
22. Ukuba lowo wabizwayo waba seNkosini elikhoboka, ungumkhululwa weNkosi; ngokunjalo nalowo wabizwayo engokhululekileyo, ulikhoboka likaKristu.
  
23. Nathengwa ngexabiso; musani ukuba ngamakhoboka abantu.
  
24. Bazalwana, elowo ekubizweni awabizwa ekuko, makahlale kuko ekuThixo.
  
25. Ke kaloku, ngazo iintombi andinammiselo weNkosi; ndibona oku mna, njengowenzelwe inceba yiNkosi ukuba athembeke.
  
26. Ndiba ngoko, kulungile oku ngenxa yengxakeko engeneyo, kulungile emntwini ukuthi aselehlala njengoko anjalo.
  
27. Ubotshelelwe na emfazini? Musa ukufuna ukukhululwa kuye. Ukhululekile na emfazini? Musa ukufuna umfazi.
  
28. Kodwa ke ukuba uthe wazeka, akonanga; nokuba intombi ithe yenda, ayonanga. Ke abanjalo boba nembandezelo enyameni. Ke mna, ngokwenjenje, ndiconga nina.
  
29. Nditsho ke, bazalwana, ukuthi, ixesha lifinyele, ukuze kwelisaseleyo bathi nabo banabafazi, babe njengabangenabo;
  
30. bathi abalilayo, babe njengabangaliliyo; bathi abavuyayo, babe njengabangavuyiyo; bathi abathengayo, babe njengabangenanto;
  
31. bathi abasebenzayo ngeli hlabathi, babe njengabangalixhamliyo; kuba ukumila kweli hlabathi kuyadlula.
  
32. Ndithanda ukuba ningabi naxhala. Ongazekileyo uxhalela izinto zeNkosi, ukuba angathini na ukuyikholisa iNkosi.
  
33. Ozekileyo ke uxhalela izinto zehlabathi, ukuba angathini na ukumkholisa umkakhe.
  
34. Umfazi nentombi akufani. Ongendileyo uxhalela izinto zeNkosi, ukuze abe ngcwele ngomzimba nangomoya; owendileyo ke uxhalela izinto zehlabathi, ukuba angathini na ukuyikholisa indoda yakhe.
  
35. Oku ke ndikuthetha ndisingisele kokunilungeleyo, ndingenzeli kunirhintyela; ndikuthethela ukuba nizibeke, nihlale nihleli kakuhle eNkosini, ningakruthakrutheki.
  
36. Kodwa ke ukuba umntu uba uhlaza intombi yakhe, xa ithe yegqitha entlahleni yayo, emelwe kukwenjenjalo, makenze akuthandayo; akoni; makuzekwe.
  
37. Noko ke omiyo eqinile entliziyweni, engaxakwe nto, enegunya ke lokwenza ngokuthanda kwakhe, kananjalo egqibile entliziyweni yakhe kwelokuba ayigcine intombi yakhe, uyatyapha ukwenjenjalo.
  
38. Ngoko ke lowo wendisayo uyatyapha, kodwa ke lowo ungendisiyo nguyena ukholisayo.
  
39. Umfazi ubotshiwe ngumthetho ngalo lonke ixesha isaphilileyo indoda yakhe; ke ukuba indoda yakhe ithe yafa, ukhululekile, angendiselwa kwayithandayo, kodwa ke ngokwaseNkosini.
  
40. Noko ke unoyolo ngakumbi, ukuba uthe wahlala enjengoko anjalo, ngokwam mna ukubona; ndiba ke ndinaye nam uMoya kaThixo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES