Bible Study: FrontPage




 

1 Corinthians, Chapter 8

Bible Study - 1 Corinthians 8 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ke kaloku, ngeendawo zamadini enziwa kwizithixo, ndithi, Siyazi ukuba sinokwazi sonke. Ukwazi oku kuyakhukhumalisa, ke lona uthando luyakha.
  
2. Ukuba ke umntu uba wazi nto, akakazi nento ngoko amelwe kukwazi ngako.
  
3. Ukuba ke umntu uyamthanda uThixo, lowo uyaziwa nguye.
  
4. Ngako ke ukudliwa kwamadini enziwa kwizithixo, siyazi ukuba akukho nto isisithixo ehlabathini; siyazi ukuba mnye kwaphela uThixo, akukho wumbi.
  
5. Kuba kambe, nokuba kukho ekuthiwa bangoothixo, nokuba kusezulwini, nokuba kuphezu komhlaba (kwanjengokuba kukho oothixo abaninzi, neenkosi ezininzi),
  
6. kuthi thina mnye uThixo, uYise, eziphuma kuye izinto zonke; nathi sikholo yena. Inye iNkosi, uYesu Kristu, ezingayo zonke izinto; nathi singaye.
  
7. Ke ukwazi oko akubantwini bonke. Inxenye ke ithi, isenesazela ngesithixo unangoku, idle ngokudliwa kwedini elenziwe kwisithixo, size isazela sabo, siswele amandla nje, sidyobheke.
  
8. Ukudla akusithandisi kuye uThixo; kuba nokuba sithe sadla, asigqithe nganto; nokuba asithanga sidle, asisilele nganto.
  
9. Lumkani ke, hleze elo gunya lenu libe sisiwiso kwabaswele amandla.
  
10. Kuba xa athe ubani wakubona, wena ungonokwazi, uhleli esithebeni etempileni yezithixo, asisayi kuthi na isazela sakhe, eswele amandla nje, somelezelwe ukudla amadini enzelwe izithixo?
  
11. Aze ngokwazi kwakho oko atshabalale umzalwana oswele amandla, awathi uKristu wamfela.
  
12. Nisenjenjalonje ke ukona kubo abazalwana, nisidubule nje isazela sabo esiswele amandla, nona kuKristu.
  
13. Ngenxa yoko ndithi, Ukuba ukudla kuyamkhubekisa umzalwana wam, andisayi kudla nyama naphakade, ukuze ndingamkhubekisi umzalwana wam.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES