Bible Study: FrontPage




 

Exodus, Chapter 6

Bible Study - Exodus 6 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Wathi uYehova kuMoses, Uya kukubona ngoku endiya kukwenza kuFaro, kuba uya kubandulula, abagxothe ezweni lakhe ngesandla esithe nkqi.
  
2. Wathetha uThixo kuMoses, wathi kuye, NdinguYehova:
  
3. ndabonakala kuAbraham nakuIsake nakuYakobi ngelokuba nguThixo uSomandla; ke ngegama lam lokuba nguYehova andazekanga kubo.
  
4. Kananjalo ndawumisa nabo umnqophiso wam wokuba ndibanike ilizwe lakwaKanan, ilizwe lokuphambukela kwabo abaphambukela kulo.
  
5. Kananjalo ndikuvile mna ukugula koonyana bakaSirayeli abakhonziswayo ngamaYiputa, ndawukhumbula umnqophiso wam.
  
6. Yithi ngoko koonyana bakaSirayeli, ndinguYehova: ndiya kunikhupha phantsi kwemithwalo yamaYiputa, ndinihlangule enkonzweni yawo, ndinihlawulele, ndinikhulule ngengalo eyolukileyo, nangezigwebo ezikhulu;
  
7. ndinithabathe nibe ngabantu bam, ndibe nguThixo wenu; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu, onikhuphayo phantsi kwemithwalo yamaYiputa;
  
8. ndiningenise ezweni endaphakamisa isandla sam ngalo, ukuba ndilinike uAbraham noIsake noYakobi; ndiya kulinika nina, libe lilifa: ndinguYehova.
  
9. Watsho ke uMoses koonyana bakaSirayeli; abamphulaphulanga uMoses, ngenxa yokukhathazeka, nangenxa yomsebenzi onzima.
  
10. Wathetha uYehova kuMoses, wathi,
  
11. Yiya uthethe kuFaro ukumkani waseYiputa, abandulule oonyana bakaSirayeli, baphume ezweni lakhe.
  
12. UMoses wathetha phambi koYehova, wathi, Yabona, oonyana bakaSirayeli abandiphulaphulanga; wothini na ke uFaro ukundiphulaphula, ndingomlomo ungalukanga nje?
  
13. Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, wabawisela umthetho oonyana bakaSirayeli, nakuFaro ukumkani waseYiputa, ukuba babakhuphe oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa.
  
14. Zizo ezi iintloko zezindlu zooyise: oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli, nguHanoki, noFalu, nguHetseron, noKarmi; yiyo leyo imizalwane yakwaRubhen.
  
15. Oonyana bakaSimon nguYemuweli, noYamin, no-Ohadi, noYakin, noTsohare, noSawule, unyana womKananekazi; yiyo leyo imizalwane yakwaSimon.
  
16. Ngawo la amagama oonyana bakaLevi ngenzala yabo: uGershon, noKehati, noMerari. Iminyaka yobudala bukaLevi yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anesixhenxe.
  
17. Oonyana bakaGershon nguLibheni, noShimehi, ngokwemizalwane yabo.
  
18. Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli. Iminyaka yobudala bukaKehati yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anamithathu.
  
19. Oonyana bakaMerari nguMaheli, noMushi; yiyo leyo imizalwane yakwaLevi ngenzala yabo.
  
20. UAmram wazeka uYokebhede, udade boyise, wangumkakhe; wamzalela uAron noMoses. Iminyaka yobudala buka-Amram yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anesixhenxe.
  
21. Oonyana bakaItsare nguKora, noNefege, noZikri.
  
22. Oonyana bakaUziyeli nguMishaheli, noElitsafan, noZitri.
  
23. UAron wazeka uElishebha intombi ka-Aminadabhi, udade boNashon, wangumkakhe; wamzalela uNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare.
  
24. Oonyana bakaKora nguAzire, noElikana, noAbhiyazafu; yiyo leyo imizalwane yamaKora.
  
25. UElazare, unyana ka-Aron, wazeka umfazi ezintombini zikaPutiyeli; wamzalela uPinehasi. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ngokwemizalwane yabo.
  
26. Ngulaa Aron noMoses, wathi kubo uYehova, Bakhupheni oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo.
  
27. Ngabo abo bathethayo kuFaro ukumkani waseYiputa, ukuba abakhuphe oonyana bakaSirayeli eYiputa; ngabo Moses noAron.
  
28. Kwathi, mhlana wathethayo uYehova kuMoses ezweni laseYiputa,
  
29. wathetha uYehova kuMoses, wathi, NdinguYehova; thetha kuFaro, ukumkani waseYiputa, zonke izinto endizithethayo kuwe.
  
30. Wathi uMoses phambi koYehova, Yabona, ndingomlomo ungalukanga; wothini na uFaro ukundiphulaphula?


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES