Bible Study: FrontPage




 

Exodus, Chapter 7

Bible Study - Exodus 7 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Wathi uYehova kuMoses, Khangela, ndikwenze uthixo kuFaro; ke uAron umkhuluwa wakho woba ngumprofeti wakho.
  
2. Wena wothetha zonke izinto endikuwisele umthetho ngazo; ke uAron umkhuluwa wakho wothetha kuFaro, aze abandulule oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe.
  
3. Ke mna ndiya kuyiqaqadekisa intliziyo kaFaro, ndiyandise imiqondiso yam nezimanga zam ezweni laseYiputa.
  
4. Akayi kuniphulaphula uFaro. Ke mna iYiputa ndiya kuyisa isandla, ndiyikhuphe imikhosi yam, abantu bam oonyana bakaSirayeli, ezweni laseYiputa ngezigwebo ezikhulu;
  
5. azi amaYiputa, ekusoluleni kwam isandla sam phezu kweYiputa, ukuba ndinguYehova; ndibakhuphe oonyana bakaSirayeli phakathi kwawo.
  
6. Wenza ke uMoses noAron; ngoko uYehova wabawisela umthetho ngako, benjenjalo.
  
7. UMoses ubeminyaka imashumi asibhozo ezelwe, noAron ubeminyaka imashumi asibhozo anamithathu ezelwe, ukuthetha kwabo kuFaro.
  
8. Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, wathi,
  
9. Xa athe uFaro wathetha kuni, esithi, Ndiboniseni isimanga, wothi wena kuAron, Thabatha intonga yakho, uyiphose phambi koFaro; yoba yinyoka.
  
10. Wangena uMoses noAron kuFaro; benza njengoko uYehova wabawisela umthetho, uAron wayiphosa intonga yakhe phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe, yaba yinyoka.
  
11. Naye uFaro wazibiza izilumko nabakhafuli; zenjenjalo nezazi ezo zaseYiputa, ngobugqi bazo.
  
12. Elowo waphosa phantsi intonga yakhe, yaba yinyoka; yasuka intonga ka-Aron yaziginya iintonga zabo.
  
13. Yaba lukhuni intliziyo kaFaro; akabaphulaphula, njengoko wayetshilo uYehova.
  
14. Wathi uYehova kuMoses, Intliziyo kaFaro iqaqadekile, akavumi ukubandulula abantu.
  
15. Yiya kuFaro kusasa, nanko ephuma esiya emanzini. Uze ume elunxwemeni lomlambo malunga naye; intonga eyaguqukayo yaba yinyoka yiphathe esandleni.
  
16. Uze uthi kuye, UYehova, uThixo wamaHebhere, undithume kuwe, esithi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza entlango; yabona ke, akuphulaphulanga unangoku.
  
17. Utsho uYehova ukuthi, Uya kwazi ngale nto ke ukuba ndinguYehova. Yabona, ndiya kubetha ngentonga esesandleni sam emanzini omlambo, aguqulwe abe ligazi,
  
18. zife iintlanzi ezisemlanjeni, unuke umlambo, amaYiputa abe nesicaphucaphu akuwasela amanzi omlambo.
  
19. Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Thabatha intonga yakho, wolule isandla sakho phezu kwamanzi aseYiputa, phezu kwemilambo yabo, naphezu kwemijelo yabo, naphezu kwamachibi abo, naphezu kweentlangano zonke zamanzi abo; abe ligazi, ibe ligazi ezweni lonke laseYiputa, nasemiphandeni yemithi neyamatye.
  
20. OoMoses noAron benza njengoko uYehova wabawisela umthetho; wayiphakamisa intonga, wawabetha amanzi omlambo phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe; aza aguquka onke amanzi omlambo, aba ligazi.
  
21. Zafa iintlanzi ezisemlanjeni, wanuka umlambo, akaba nako amaYiputa ukuwasela amanzi omlambo; laba ligazi ezweni lonke laseYiputa.
  
22. Zenjenjalo ke nezazi zaseYiputa ngobugqi bazo, Yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko wayetshilo uYehova.
  
23. Wajika uFaro, waya endlwini yakhe, akayibekela ntliziyo nale nto.
  
24. Onke amaYiputa emba amanzi okusela ngeenxa zonke emlanjeni; kuba ebengenakuwasela amanzi omlambo.
  
25. Kwazaliseka isixhenxe seentsuku emveni kokuwubetha kwakhe uYehova umlambo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES