Bible Study: FrontPage




 

Genesis, Chapter 12

Bible Study - Genesis 12 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ke kaloku uYehova wathi kuAbram, Hamba, umke ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho, nasendlwini kayihlo, uye ezweni endokubonisa lona;
  
2. ndikwenze uhlanga olukhulu, ndikusikelele, ndilikhulise igama lakho, ube yintsikelelo;
  
3. ndibasikelele abakusikelelayo, ndimtshabhise okuqalekisayo; zisikeleleke ngawe zonke izizwe zehlabathi.
  
4. Wahamba uAbram njengoko wathethayo uYehova kuye; wahamba naye uLote. UAbram ubeminyaka imashumi asixhenxe anamihlanti ezelwe, ukuphuma kwakhe kwelakwaHaran.
  
5. UAbram wathabatha uSarayi umkakhe, noLote unyana womninawa wakhe, nengqwebo yabo yonke ababeyiqwebile, nabantu ababebafumene kwelakwaHaran; baphuma ke besiya ezweni lakwaKanan, bafika ke ezweni lakwaKanan.
  
6. UAbram wacanda ilizwe, wada waya kwindawo enoShekem, wada waya eMokini kaMore. AmaKanan abekho ngelo xesha kulo ilizwe.
  
7. UYehova wabonakala kuAbram, wathi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe. Wamakhela khona isibingelelo uYehova, owabonakalayo kuye.
  
8. Wesuka khona waya entabeni ngasempumalanga, eBheteli, wayitwabulula intente yakhe, iBheteli ingasentshonalanga, iAyi ingasempumalanga; wamakhela khona isibingelelo uYehova, wanqula igama likaYehova.
  
9. Wanduluka uAbram, ehamba encothula, esinga kwelasezantsi.
  
10. Kwabakho indlala ezweni. Wehla uAbraham waya eYiputa, ukuze aphambukele khona; ngokuba indlala ibinzima elizweni.
  
11. Kwathi, akusondela ukuba angene eYiputa, wathi kuSarayi umkakhe, Uyabona ke, ndiyazi ukuba ungumfazi omhle imbonakalo.
  
12. Kothi ke, akukubona amaYiputa, athi, Ngumkakhe lo; andibulale, akuyeke wena udle ubomi.
  
13. Uze uthi, ungudade wethu wena; ukuze kulunge kum ngenxa yakho, umphefumlo wam udle ubomi ngenxa enawe.
  
14. Kwathi, akufika uAbram eYiputa, ambona amaYiputa umfazi ukuba uyinzwakazi.
  
15. Bambona abathetheli bakaFaro, bamdumisa kuFaro; umfazi wasiwa endlwini kaFaro.
  
16. Wamphatha ngokulungileyo uAbram ngenxa yakhe; wanempahla emfutshane, neenkomo, namaesile, nabakhonzi, nabakhonzazana, neemazi zamaesile, neenkamela.
  
17. UYehova wambetha uFaro nendlu yakhe ngezibetho ezikhulu ngenxa kaSarayi, umka-Abram.
  
18. UFaro wambiza uAbram wathi, Yintoni na le uyenzileyo kum? Yini na ukuba ungandixeleli ukuba ngumkakho?
  
19. Yini na ukuba uthi, ngudade wenu? Ndamthabatha ukuba abe ngumfazi wam. Ngoku ke nanko unikakho, mthabathe uhambe.
  
20. UFaro wawawisela umthetho amadoda ngaye; amkhapha yena nomkakhe, nezinto zakhe zonke.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES