Bible Study: FrontPage




 

Genesis, Chapter 13

Bible Study - Genesis 13 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Wenyuka uAbram, ephuma eYiputa, yena nomkakhe, neento zakhe zonke, enoLote, esinga kwelasezantsi.
  
2. UAbram waye esisityebi kunene ngemfuyo, nangesilivere, nangegolide.
  
3. Wahamba encothula, esuka kwelasezantsi, wafika eBheteli, kuloo ndawo yayikhona intente yakhe matanci, phakathi kweBheteli neAyi,
  
4. endaweni yesibingelelo awasenzayo khona ekuqaleni. UAbram walinqula khona igama likaYehova.
  
5. Naye uLote, obehamba noAbram, waye enempahla emfutshane, neenkomo, neentente.
  
6. Ilizwe elo alaba nakubathwala, ukuba bahlale ndawonye; ngokuba impahla yabo yayininzi, ababa nakuhlala ndawonye.
  
7. Kwabakho ukubambana phakathi kwabalusi bemfuyo ka-Abram nabalusi bemfuyo kaLote. Ngelo xesha ilizwe lalimiwe ngamaKanan namaPerizi.
  
8. UAbram wathi kuLote, Makungabikho mbambano kaloku phakathi kwam nawe, naphakathi kwabalusi bam nabalusi bakho; ngokuba singamadoda azalanayo.
  
9. Aliphambi kwakho na ilizwe lonke? Khawahluke kum; ukuba uya ekhohlo, ndoya ekunene, ukuba uya ekunene, ndoya ekhohlo.
  
10. ULote waphakamisa amehlo akhe, wawukhangela wonke ummandla waseYordan, ngokuba ubunamanzi wonke, engekayonakalisi uYehova iSodom neGomora, unjengomyezo kaYehova, unjengelizwe laseYiputa, usingise eTsohare.
  
11. ULote wawunyula wonke ummandla waseYordan; wanduluka uLote waya ngasempumalanga; bahlukana ke.
  
12. UAbram wahlala ezweni lakwaKanan; uLote wahlala emizini yaloo mmandla, wayisondezela eSodom intente yakhe.
  
13. Ke kaloku amadoda aseSodom ayengabenzi bobubi, engaboni abakhulu kuYehova.
  
14. Wathi uYehova kuAbram, emveni kokuba uLote ahlukane naye, Khawuwaphakamise amehlo akho ukuloo ndawo ukuyo, ubhekise entla, nasezantsi, nasempumalanga, nasentshonalanga;
  
15. ngokuba lonke ilizwe olibonayo ndiya kulinika wena, nembewu yakho, kude kuse ephakadeni;
  
16. ndiyenze imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, angathi ubani enako ukulubala uthuli lomhlaba, ayibale nembewu yakho.
  
17. Suka, ulihambe ilizwe ngobude balo nangobubanzi balo; ngokuba ndiya kulinika wena.
  
18. Wancothula uAbram intente yakhe, waya wahlala ngaseMiokini kaMamre eseHebron, wakhela khona uYehova isibingelelo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES