Bible Study: FrontPage




 

Genesis, Chapter 32

Bible Study - Genesis 32 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. UYakobi wahamba ngendlela yakhe; zaqubisana naye izithunywa zikaThixo.
  
2. Wathi uYakobi akuzibona, Ngumkhosi kaThixo lo; wathi igama laloo ndawo yiMahanayim.
  
3. Ke kaloku uYakobi wathuma abathunywa phambi kwakhe, baya kuEsawu, umkhuluwa wakhe, ezweni lakwaSehire, emhlabeni wakwaEdom.
  
4. Wabawisela umthetho esithi, Nothi ukuthetha enkosini yam uEsawu, Utsho umkhonzi wakho uYakobi ukuthi, Bendingumphambukeli kuLabhan, ndalibala khona kwada kwangoku;
  
5. ndineenkomo namaesile, nempahla emfutshane, nabakhonzi, nabakhonzazana; ndithumele ukuxelela inkosi yam, ukuze indibabale.
  
6. Abathunywa babuyela kuYakobi besithi, Sifikile kumkhuluwa wakho uEsawu, naye uyeza kukukhawulela, enamadoda angamakhulu omane.
  
7. Woyika kunene uYakobi, wabandezeleka, wabahlula abantu ababenaye, nempahla emfutshane, neenkomo, neenkamela; iimfuduka zambini.
  
8. Wathi, Ukuba uEsawu uthe wafika kwenye imfuduka, wayichitha, yosinda imfuduka eseleyo.
  
9. Wathi uYakobi, Thixo kabawo uAbraham, Thixo kabawo uIsake, Yehova, uthe kum, Buyela ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho; ndokuphatha kakuhle.
  
10. Andiyilingene inceba yonke, nenyaniso yonke oyenzileyo kumkhonzi wakho; kuba ndayiwela le Yordan, ndinentonga yam yodwa, kodwa ngoku ndimfuduka mbini.
  
11. Khawundihlangule esandleni somkhuluwa wam, esandleni sikaEsawu; ngokuba ndiyamoyika, hleze afike andibulale, unina ndawonye nabantwana.
  
12. Wawuthe wena, Inene, ndiya kukuphatha kakuhle, imbewu yakho nidyenze ibe njengentlabathi yolwandle, engenakubalwa ngenxa yobuninzi.
  
13. Ke kaloku yena walala khona ngobo busuku. Wathabatha entweni esifike kuyo isandla sakhe, yangumnikelo kuEsawu, umkhuluwa wakhe;
  
14. iimazi zeebhokhwe ezimakhulu mabini, neenkunzi zeebhokhwe ezimashumi mabini, neemazi neegusha ezimakhulu mabini, neenkunzi zeegusha ezimashumi mabini,
  
15. neenkamela ezisengwayo ezimashumi mathathu, ezinamathole azo, neemazi zeenkomo ezimashumi mane, neenkunzi zeenkomo ezilishumi, neemazi zamaesile ezimashumi mabini, namaxhamxwa alishumi.
  
16. Wazinikela esandleni sabakhonzi bakhe, walowo umhlambi wawodwa. Wathi kubakhonzi bakhe, Welani phambi kwam, nibeke isithuba phakathi komhlambi nomhlambi.
  
17. Owokuqala wamwisela umthetho, wathi, Xa athe uEsawu umkhuluwa wam waqubisana nawe, wakubuza ngokuthi, Ungokabani na? Uya phi na? Zezikabani na ezi zinto ziphambi kwakho?
  
18. wothi, Zezomkhonzi wakho uYakobi: ngumnikelo othunyelwe inkosi yam uEsawu; nanku ke naye ngasemva kwethu.
  
19. Nowesibini, nowesithathu wamwisela umthetho, nabo bonke ababeyilandela imihlambi, esithi, Nothetha ngolo hlobo kuEsawu, nakufumanana naye.
  
20. Kananjalo nothi, Nanko mkhonzi wakho uYakobi engasemva kwethu. Kuba wathi, Mandibucamagushe ubuso bakhe ngomnikelo ohamba phambi kwam, emveni koko ndibubone ubuso bakhe; mhlawumbi wondibuka.
  
21. Umnikelo lowo wahamba phambi kwakhe; ke yena walala ngobo busuku emfudukeni.
  
22. Wavuka ngobo busuku, wathabatha abafazi bakhe bobabini, nabakhonzanzana bakhe bobabini noonyana bakhe abalishumi elinamnye, waliwela izibuko le Yabhoki.
  
23. Wabathabatha ke, wabaweza emfuleni lowo, waziweza zonke izinto abenazo.
  
24. UYakobi wasala yedwa; kwazamana indoda naye kwada kwathi qhiphu ukusa.
  
25. Yakubona ukuba ayimeyisi, yachukumisa usikrobana womlenze wakhe, wancothuka usikrobana womlenze kaYakobi ngokuzamana nayo.
  
26. Yathi, Ndindulule ndihambe, kuba kuyasa. Wathi yena, Andiyi kukundulula umke, ukuba akuthanga undisikelele.
  
27. Yathi kuye, Ngubani na igama lakho? Wathi, NdinguYakobi.
  
28. Yathi, Igama lakho akusayi kuba sathiwa nguYakobi; kuya kuthiwa unguSirayeli, ngokuba ulwe noThixo nabantu, weyisa.
  
29. Wabuza uYakobi wathi, Ndixelele igama lakho. Yathi, Ulibuzelani na igama lam? Yamsikelela khona.
  
30. UYakobi wayithiya loo ndawo igama eliyiPeniyeli; kuba wathi, Ndibonene noThixo, wahlangulwa umphefumlo wam.
  
31. Lathi chapha ilanga, akudlula ePeniweli, ejingxela ngomlenze wakhe.
  
32. Ngenxa yoko oonyana bakaSirayeli abawudli umsipha kasikrobana ophezu kosikrobana womlenze, nanamhla; ngokuba yachukumisa usikrobana womlenze kaYakobi emsipheni kasikrobana.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES