Bible Study: FrontPage




 

Genesis, Chapter 33

Bible Study - Genesis 33 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Wawaphakamisa uYakobi amehlo akhe, wabona, nanko uEsawu esiza, enamadoda amakhulu mane. Abantwana wabahlulahlula, baba kuLeya, nakuRakeli, nakubakhonzazana bobabini.
  
2. Wababeka abakhonzazana nabantwana babo phambili, uLeya nabantwana bakhe emva kwabo, uRakeli noYosefu emva kanye.
  
3. Ke yena wagqithela phambi kwabo, waqubuda emhlabeni kasixhenxe, wada wasondela kumkhuluwa wakhe.
  
4. Wagidima uEsawu emkhawulela, wamwola, wawa entanyeni yakhe, wamanga; basitsho isililo.
  
5. Wawaphakamisa amehlo akhe, wababona abafazi nabantwana, wathi, Ngoobani na aba banawe? Wathi yena, Ngabantwana, athe uThixo wabababala umkhonzi wakho.
  
6. Basondela abakhonzazana, bona nabantwana babo, baqubuda.
  
7. Wasondela noLeya nabantwana bakhe, baqubuda; emveni koko wasondela uYosefu noRakeli, baqubuda.
  
8. Wathi, Iyintoni na yonke le mfuduka yakho endiqubisene nayo? Wathi, Yeyokuba ndibabalwe emehlweni enkosi yam.
  
9. Wathi uEsawu, Ndanele, mninawa; makube kokwakho okwakho.
  
10. Wathi uYakobi, Hayi, makungabi njalo. Ukuba kaloku ndibabalwe emehlweni akho, thabatha umnikelo wam lo esandleni sam; kuba ngenxa yoko ndibubonile ubuso bakho, ndanga ndibona ubuso bukaThixo, ndalikholo kuwe.
  
11. Khawuyithabathe intsikelelo yam ezisiweyo kuwe, ngokuba uThixo undibabale, kuba ndineento zonke. Wamjoka, wayithabatha.
  
12. Wathi uEsawu, Masinduluke, sihambe; ndohamba phambi kwakho.
  
13. Wathi kuye, Inkosi yam iyazi ukuba abantwana bathambile, nempahla emfutshane, neenkomo ezanyisayo ziphezu kwam; yothi iqhutywe kakhulu imini enye, ife yonke impahla emfutshane.
  
14. Inkosi yam mayikhe igqithele phambi komkhonzi wayo ndihambise kuhle ngokuhamba kwempahla ephambi kwam, nangokuhamba kwabantwana, ndide ndifike enkosini yam kwaSehire.
  
15. Wathi uEsawu, Makhe ndiyishiye kuwe inxenye yabantu abanam. Wathi yena, Ngani na? Mandibabalwe emehlweni enkosi yam.
  
16. Wabuya ngaloo mhla uEsawu ngendlela yakhe, esiya kwaSehire.
  
17. UYakobi wanduluka, waya eSukoti, wazakhela indlu, iinkomo zakhe wazibiyela iintlantsi; ngenxa yoko kwathiwa igama laloo ndawo yiSukoti.
  
18. Wafika uYakobi enoxolo emzini kaShekem, osezweni lakwaKanan, ekuveleni kwakhe ePadan-aram; wamisa iintente phambi komzi.
  
19. Wathenga isiziba somhlaba, apho wayitwabulula khona intente yakhe, esandleni soonyana bakaHamore usoShekem, ngekhulu lemali.
  
20. Wamisa khona isibingelelo, wathi ukusithiya nguThixo, uThixo kaSirayeli.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES