|
|
Hosea, Chapter 3
1. Wathi uYehova kum, Phinda, uye uthande umfazi, ethandwa nguwabo, ekrexeza; njengoko uYehova abathandayo oonyana bakaSirayeli, bebheka thixweni bambi nje, bethanda izicumba zeerasintyisi.
2. Ndamthenga wangowam ngeshumi elinesihlanu lesilivere, nehomere yerhasi, neleteke yerhasi.
3. Ndathi kuye, Uze uhlalele mna imihla emininzi, ungahenyuzi, ungabi wandoda yimbi; nam ndenjenjalo kuwe.
4. Ngokuba oonyana bakaSirayeli baya kuhlala imihla emininzi bengenakumkani, bengenamthetheli, bengenambingelelo, bengenasimiso samatye, bengenaefodi namilonde-khaya.
5. Emveni koko baya kubuya oonyana bakaSirayeli, bamquqele uYehova uThixo wabo, noDavide ukumkani wabo; baye benkwantya kuYehova, nasekulungeni kwakhe ekupheleni kwemihla.
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|