Bible Study: FrontPage




 

Hosea, Chapter 4

Bible Study - Hosea 4 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Liveni ilizwi likaYehova, nyana bakaSirayeli; ngokuba uYehova ubambene nabemi belizwe eli; ngokuba kungekho nyaniso, kungekho nceba, kungekho kwazi uThixo kweli lizwe.
  
2. Kukushwabula, nokuxoka, nokuncinitha, nokuba, nokukrexeza; bagqobhozile, igazi liphathelele kwigazi.
  
3. Ngenxa yoko ilizwe lenza isijwili, zithokombisile zonke izinto ezimi kulo; izinto eziphilileyo zasendle, neentaka zezulu, kwaneentlanzi zolwandle, ziyasuswa.
  
4. Kodwa makangabambani omnye nomnye, omnye makangamohlwayi omnye; abantu bakowenu banjengobambene nombingeleli.
  
5. Wokhubeka emini, umprofeti enawe akhubeke ebusuku, ndimtshabalalise unyoko.
  
6. Bayatshabalala abantu bam kukuswela ukwazi; kuba wena ukucekisile ukwazi, ndiya kukucekisa, ukuba ungabi ngumbingeleli kum. Wawulibala umyalelo kaThixo wakho; ndobalibala abantwana bakho nam.
  
7. Okukhona bandileyo, kokukhona bonileyo kum; uzuko lwabo ndiya kulwananisa ngocukucezo.
  
8. Badla idini lesono labantu bam; umphefumlo wabo bawuphakamisela ebugwenxeni babo.
  
9. Kuya kuthi, njengoko banjalo abantu, abe njalo umbingeleli; ndizivelele iindlela zakhe kuye, ndizibuyisele kuye iintlondi zakhe.
  
10. Bodla bangahluthi; bahenyuze bangandi; ngokuba bekuyekile ukumphulaphula uYehova.
  
11. Uhenyuzo, newayini, newayini entsha, ziwexula intliziyo.
  
12. Abantu bam babuzisa kumthi wabo; nentonga yabo iyabaxelela; ngokuba umoya wobuhenyu ubalahlekisile; bahenyuze bemka phantsi koThixo wabo.
  
13. Babingelela ezincotsheni zeentaba, baqhumisele ezindulini phantsi kwemioki nemipopulari nemiterebhinti, kuba ulungile umthunzi wayo; ngenxa yoko ziyahenyuza iintombi zenu, bayakrexeza oomolokazana benu.
  
14. Andiyi kuzivelela iintombi zenu, ngokokuba zihenyuza; noomolokazana benu, ngokokuba bekrexeza. Ngokuba nina ngokwenu nithi gu bucala namahenyukazi nibingelela namangÂ’awukazi; ngoko ke abantu abangaqondiyo baya kukhahleleka phantsi.
  
15. Ukuba uyahenyuza, Sirayeli, makangazeki ityala uYuda; musani ukuya eGiligali, ningenyuki niye eBhetaven, ningafungi nithi, Ehleli nje uYehova.
  
16. Kuba uSirayeli uyinjubaqa, njengethokazi eliyinjubaqa; ngoku uYehova uya kubalusela emphangalaleni, njengamatakane.
  
17. UEfrayim ubophene nezithixo; myekeni.
  
18. Igabadele imithayi yabo; bahenyuza behenyuzile; ziluthande nzulu ucukucezo iingweletshetshe zabo.
  
19. Umoya umbambile ngamaphiko awo; baya kudana yimibingelelo yabo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES