|
|
Hosea, Chapter 5
1. Kuveni oku, babingeleli, nibaze iindlebe, nina ndlu kaSirayeli; nani ndlu yokumkani, bekani iindlebe; ngokuba uze kuni umgwebo lo; kuba nisuke naba ngumgibe eMizpa, naba ngumnatha otwatyululweyo phezu kweTabhore.
2. Bangxokile ukonakalisa ekunxaxheni kwabo; ke ndiyintethiso kubo bonke bephela.
3. Mna ndiyamazi uEfrayim, noSirayeli akagushiwe kum; ngokuba uhenyuzile ngoku, wena Efrayim, uSirayeli uzenze inqambi.
4. Izenzo zabo azivumi ukuba babuyele kuThixo wabo; kuba umoya wobuhenyu ukubo, abamazi uYehova.
5. Iqhayiya likaSirayeli liyangqina ebusweni bakhe; bokhubeka ooSirayeli noEfrayim ngobugwenxa babo; wokhubeka nabo kwanoYuda.
6. Baya kuya kumfuna uYehova, benempahla yabo emfutshane neenkomo zabo, bangamfumani; urhoxile kubo.
7. Banginiza kuYehova, kuba bezele oonyana abangengabo; ngoku ke ukuthwasa kwenyanga kuyabadla, kunye nezahlulo zabo zomhlaba.
8. Vuthelani izigodlo eGibheha, nexilongo eRama; wuhlabeni eBhetaven, nithi, Emva kwakho, Bhenjamin.
9. Kuya kuba senkangala kwelakwaEfrayim ngemini yokohlwaya; ezizweni zakwaSirayeli ndisazisile isimakade sesibetho.
10. Abathetheli bakwaYuda basuka baba njengabashenxisi bomda; ngoko ke ndophalaza phezu kwabo ubushushu bam njengamanzi.
11. UEfrayim uyacudiswa, uyavikiveka ngumgwebo; kuba usuke wavuma ukulandela umthetho wabo.
12. Mna ndinjengenundu kwaEfrayim, ndinjengombungu kwindlu kaYuda.
13. Xa wasibonayo uEfrayim isifo sakhe, uYuda walibona inxeba lakhe; uEfrayim wesuka waya eAsiriya, wathumela kukumkani uYarebhi. Akaba nako ukuniphilisa, akaba nako ukuninceda kwinxeba lenu.
14. Ngokuba ndinjengengonyama kwaEfrayim, ndinjengengonyama entsha kwindlu kaYuda mna; mna ndiyaqwenga ndimke, ndithimbe, kungabikho mhlanguli.
15. Ndiya kuhamba ndibuyele endaweni yam, bade beve benetyala, babufune ubuso bam. Ekubandezelekeni kwabo baya kundifuna benyamekile; bathi:
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|