Bible Study: FrontPage




 

Isaiah, Chapter 22

Bible Study - Isaiah 22 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Isihlabo esisingisele kumfula wombono. Ukholose ngantoni na kaloku, le nto unyukileyo waya phezu kwezindlu wonke uphela?
  
2. Wena uzeleyo kukungxola, wena mzi uxokozelayo, wena nqaba ivuyelelayo; ababuleweyo bakho ababulawanga likrele, abafanga yimfazwe.
  
3. Bonke abaphathi bakho babaleka kunye, bakhonkxwe kungabangakho saphetha; bonke abafunyanwa kuwe bakhonkxwa kunye ekubalekeleni kwabo kude.
  
4. Ngenxa yoko ndathi, Susani amehlo kum, ndikwenze kube krakra ukulila kwam; musani ukundizama ngokundithuthuzela ngenxa yokubhuqwa kwentombi yabantu bakowethu.
  
5. Ngokuba ifikelwe ngumhla wokudungwadungwa, wokugqushwa, wokuqungwaqungwa, okuvela kwiNkosi uYehova wemikhosi, emfuleni wombono; umhla wokuwiselwa phantsi iindonga, wokuzibika ezintabeni.
  
6. AmaElam aqubule umphongolo, eneenqwelo zokulwa ezinamadoda na bamahashe; amaKiri ahlube iingweletshetshe.
  
7. Zathi ke iintili zakho ezintle zazala ziinqwelo zokulwa, bathi abamahashe bamisa bemisile esangweni.
  
8. Wasibhenqa isigqubuthelo sakwaYuda; waza wena ngaloo mini wabheka esikrweqeni sendlu yehlathi.
  
9. Nazibona iintanda zomzi kaDavide ukuba ninzi, nahlanganisa amanzi echibi lasezantsi;
  
10. izindlu zaseYerusalem nazibala; nazidiliza izindlu, ukuze ninqabise udonga.
  
11. Nenza isigingqi samanzi echibi elidala phakathi kweendonga zombini, anakhangela kumenzi wale nto, anambeka owayibumbayo kwakudala.
  
12. INkosi, uYehova wemikhosi, ngaloo mini yabizela ekulileni, nasekumbambazeleni, nasekuchebeni intloko, nasekubhinqeni iingubo ezirhwexayo;
  
13. kanti kusuke kwaba yimihlali nemivuyo, kusoselwa iinkomo, kuxhelwa iigusha, kudliwa inyama, kuselwa iwayini; kudliwa, kuselwa, kuba kusithiwa, Ngomso soba sesifile.
  
14. UYehova wemikhosi wazityhila ngokwakhe ezindlebeni zam, wathi, Nento, ukuba nokha nicanyagushelwe obo bugwenxa, nide nife! itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.
  
15. Yatsho iNkosi, uYehova wemikhosi, ukuthi, Hamba uye kwelaa gosa, kuShebhena umphathi wendlu, uthi,
  
16. Unantoni na apha, unabani na apha, ukuba nje uzixholele ingcwaba apha, njengoxhola ingcwaba lakhe phezulu, ezikrolela ikhaya engxondorheni?
  
17. Yabona, uYehova uya kukudandalazisa ngokudandalazisa kwendoda, akuxhakamfule, akuqinise.
  
18. Uya kukuthandela akuthandele, ube yinto yokunqakulisa, imbumbulu esinga ezweni elibanzi ngeenxa zombini. Uya kufela apho, zibe lapho iinqwelo zobuqaqawuli bakho, wena, hlazo lendlu yenkosi yakho.
  
19. Ndokuguzula usuke ebugoseni bakho, akugungxule ebumeni bakho.
  
20. Kuya kuthi ngaloo mini, ndibize umkhonzi wam, uEliyakim unyana kaHilekiya;
  
21. ndimambathise iingubo zakho zangaphantsi, ndimbophe ngombhinqo wakho, ndimnikele esandleni ulawulo lwakho, abe nguyise wabemi baseYerusalem nowabendlu kaYuda.
  
22. Ndiya kusibeka isitshixo sendlu kaDavide esixhantini sakhe, avule kungabikho uvalayo, avale kungabikho uvulayo;
  
23. ndimbethelele abe sisikhonkwane endaweni eqinileyo; abe yitrone yozuko kwindlu kayise.
  
24. Baya kubuxhoma kuye bonke ubunzima bendlu kayise, amagatya neempakatha, yonke impahla encinane, kuthabathele empahleni ezizidendeleko, kuse empahleni yonke eyimiphanda.
  
25. Ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, siya kususwa isikhonkwane, eso sibethelelwe endaweni eqinileyo, sixakaxwe, siwe, unqanyulwe umthwalo ophezu kwaso; ngokuba uYehova ethethile.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES