Bible Study: FrontPage




 

Isaiah, Chapter 23

Bible Study - Isaiah 23 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Isihlabo esisingisele kwiTire. Bhombolozani, nina zinqanawa zaseTarshishe, ngokuba ibhuqiwe, akwabakho ndlu, akwabakho kungena.
  
2. Bakutyhilelwe ezweni lamaKiti. Yithini cwaka, bemi bonxweme; wena uzaliswe ngabarhwebi baseTsidon, abawela ulwandle.
  
3. Yayisemanzini amakhulu imbewu yaseSihore, ukuvuna koMnayile kwaba lungeniselo kuyo; yaba yindawo yokurhweba kweentlanga.
  
4. Dana, Tsidon; kuba luthethile ulwandle, inqaba yolwandle, lwathi, Andizibhijabhijanga, andizalanga, andikhulisanga mlisela, andondlanga mthinjana.
  
5. Lothi lwakuthi ukuthi ukufika olu daba eYiputa, basuke bazibhijabhije ngodaba olungeTire.
  
6. Welelani niye eTarshishe; bhombolozani, bemi bonxwene.
  
7. Kunje na kuwe, wena mvuyeleli, ukuvela kwakho kukho kwasemihleni yamandulo, iinyawo zakho zakusa kude, ukuba uye kuthi vu?
  
8. Ngubani na lo ucebe le nto ngeTire, ngomzi othwesa ngezithsaba, obarhwebi bawo bangabathetheli, obathengeli bawo bangabazukileyo behlabathi?
  
9. Icetywe nguYehova wemikhosi, ukuba angcolise ubungangamsha bamakhazikhazi onke, ukuba acukuceze bonke abazukileyo behlabathi.
  
10. Canda kulo ilizwe lakowenu njengoMnayile, ntombi inguTarshishe; akusekho luqhwemesha lukuxinileyo.
  
11. Isandla sakhe usolulele phezu kolwandle, ugungqise izikumkani. UYehova uwise umthetho ngelakwaKanan wokutshabalalisa iinqaba zalo.
  
12. Wathi, Akuyi kuba sabuya udlamke, nkazana idlwengulweyo, ntombi inguTsidon. SukĀ’ ume, welela kumaKiti; nalapho akuyi kuba nakuphumla.
  
13. Yabona, ilizwe lamaKaledi, ngabantu ababengekho; ama-Asiriya abamisela ukuba babe ngabomqwebedu; bamisa iimboniselo zabo, bezinqika iingxande zalo ezinde, bezenza umwewe.
  
14. Bhombolozani, zinqanawa zaseTarshishe, ngokuba ibhuqiwe inqaba yenu.
  
15. Kuya kuthi ngaloo mini, ilityalwe iTire iminyaka engamashumi asixhenxe, njengemihla yokumkani omnye. Ekupheleni kweminyaka engamashumi asixhenxe kuya kwenzeka kwiTire ngokwengoma yehenyukazi, ethi,
  
16. Thabatha uhadi uwujikajike umzi, henyukazi lilityelweyo; betha kamnandi; vuma iingoma ezininzi, ukuze ukhunjulwe.
  
17. Kuya kuthi ekupheleni kweminyaka emashumi asixhenxe, ayivelele iTire uYehova, ibuyele elutsheqweni lwayo, ihenyuzane nezikumkani zonke zehlabathi eziphezu komhlaba;
  
18. lube ngcwele kuYehova urhwebo lwayo notsheqo lwayo; aluyi kubekwa, aluyi kuqwetywa; kuba urhwebo lwayo luya kuba lolwabahleli phambi koYehova, ukuze badle bahluthe, nokuze bambathe ngokobunene.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES