Bible Study: FrontPage




 

Isaiah, Chapter 25

Bible Study - Isaiah 25 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Yehova, unguThixo wam; ndiya kukuphakamisa, ndiya kubulela kwigama lakho; ngokuba wenze imisebenzi ebalulekileyo, amacebo akho kwakude, ukunyaniseka, inyaniso.
  
2. Ngokuba umzi uwenze walinxuwa; inqaba enqatyisiweyo yangumwewe; uxande olude lwabasemzini alwaba mzi, ungakhiwa naphakade.
  
3. Ngenxa yoko baya kukuzukisa abantu abanengcwangu, ikoyike imizi yeentlanga ezingcangcazelisayo.
  
4. Ngokuba waba ligwiba kwisisweli, igwiba kwihlwempu ekubandezelweni kwalo, ihlathi esiphangweni, umthunzi lakubalela, xa ukufutha kwabangcangcazelisayo kwaba njengesiphango eludongeni.
  
5. Njengokubalela emqwebedwini, udambise ingxolo yabasemzini; njengokudanjiswa kokubalela lithunzi lelifu, yathotywa ngokunjalo ingoma yabangcangcazelisayo.
  
6. UYehova wemikhosi uya kuzenzela zonke izizwe isidlo sezinto ezityebileyo kule ntaba, isidlo sewayini egcinwe ngeentsipho, sezinto ezityebileyo ezinomongo, sewayini egcinwe ngeentsipho, yaza yahluzwa;
  
7. aginye kule ntaba umphambili wesigqubuthelo esizigqubutheleyo izizwe zonke, nesigubungelo esizigubungeleyo zonke iintlanga.
  
8. Iya kuginya ukufa kuphele, izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke, ingcikivo yabantu bayo iyisuse ehlabathini lonke, kuba uYehova ethethile.
  
9. Kuya kuthiwa ngaloo mini, Yabona, lo nguThixo wethu; besithembele kuye, ukuba asisindise; nguYehova lo besithembele kuye; masigcobe, sivuye ngosindiso lwakhe.
  
10. Ngokuba isandla sikaYehova siya kuhlala phezu kwale ntaba, anyathelwe amaMowabhi endaweni yawo, njengokunyathelwa komququ emanzini omgquba.
  
11. Aya kuzaneka izandla zawo emthonyameni wawo, njengokuba indadi izaneka izandla ukuba idade; ke uYehova uya kulithoba ikratshi lawo, kunye nezigcaliselo zezandla zawo.
  
12. Wozisibekekisa iindonga zakho ezinqabileyo eziphakamileyo, azigungxule, ade azifikise emhlabeni, eluthulini.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES