Bible Study: FrontPage




 

Isaiah, Chapter 24

Bible Study - Isaiah 24 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Yabona uYehova ulithi qongqololo ihlabathi, ulenza amagqagala, uyabuphethula ubuso balo, uyabachithachitha abemi balo;
  
2. kube mfani-nye abantu nababingeleli, kube mfani-nye ikhoboka nenkosi yalo, kube mfani-nye ikhobokazana nenkosikazi yalo, kube mfani-nye othengayo nothengisayo, kube mfani-nye obolekayo nobolekwayo,
  
3. kube mfani-nye umnikimali nomamkelimali. Ihlabathi lithiwe qongqololo ngakunye, liphangwe liphangiwe; kuba uYehova elithethile elo lizwi.
  
4. Ihlabathi lenza isijwili, libunile; lintshwenyile, libunile elimiweyo; bathe matshamatsha abaphakamileyo ebantwini behlabathi.
  
5. Ihlabathi lihlanjelwe ngaphantsi kwabemi balo; ngokokuba beyigqithile imiyalelo, badlula emimiselweni, bawaphula umnqophiso ongunaphakade.
  
6. Ngenxa yoko lidliwe ihlabathi kukuqalekiswa, bathwele ityala abemiyo kulo; ngenxa yoko baphanzile abemi behlabathi, kwasala abantu abambalwa.
  
7. Iwayini entsha yenza isijwili, untshwenyile umdiliya, bayancwina bonke abantliziyo inemivuyo.
  
8. Iphelile imihlali yengqongqo; iyekile ingxokozelo yabadlamkileyo; iphelile imihlali yohadi.
  
9. Abayi kusela wayini benengoma; sikrakra isiselo esinxilisayo kwabasiselayo.
  
10. Uqhekekile umzi osenyanyeni, zivalekile zonke izindlu ukuba zingangenwa mntu.
  
11. Bakhala ngewayini phandle; itshonile yonke imivuyo; iphele kwathi tu imihlali yehlabathi.
  
12. Umzi usele walinxuwa, laqotywa isango layimvithi.
  
13. Kuba kuya kuba nje esazulwini sehlabathi lonke phakathi kwezizwe, kube njengasekuvuthululweni komnquma, njengasekubhikiceni ukuphela kokuvuna iidiliya.
  
14. Bona aba baya kuphakamisa ilizwi, bamemelele; baya kutsholoza ngobungangamsha bukaYehova, beselwandle, bathi,
  
15. Ngenxa yoko, zukisani uYehova emimandleni yokukhanya: igama likaYehova, uThixo kaSirayeli, eziqithini zolwandle.
  
16. Esondweni lehlabathi siva iingoma ezithi, Udumo malube kwilungisa. Ndaza ndathi, Hayi, ukungcungcutheka kwam! ukungcungcutheka kwam! Athi ke mna! Amanginingini ayanginiza, amanginingini ayanginiza ngonginizo lwawo.
  
17. Ufikelwe lunkwantyo nomgongxo nesibatha, wena mmi wehlabathi.
  
18. Kuya kuthi, othe walibaleka ilizwi elinkwantyisayo, eyele emgongxweni; othe wenyuka waphuma emgongxweni, abanjiswe sisibatha; ngokuba iingcango zaphezulu zivulekile, zanyikima iziseko zehlabathi.
  
19. Liyavikiveka livikiveke ihlabathi; liyacandeka licandeke ihlabathi; liyashukuma lishukume ihlabathi; liyatalasa ihlabathi njengenxila;
  
20. liyajinga njengomandlalo oxhonyiweyo; ukreqo lwalo lunzima phezu kwalo; liyawa, lingabuyi livuke.
  
21. Kuya kuthi ngaloo mini, awuvulele uYehova umkhosi wabaphezulu, nokumkani behlabathi ehlabathini;
  
22. bahlanganiswe behlanganiswa njengamakhonkxwa emhadini, bavalelwe entolongweni, bavelelwe kwakuba yimihla emininzi.
  
23. Iya kuba neentloni inyanga, lidane ilanga, xa uYehova wemikhosi angukumkani entabeni yeZiyon, naseYerusalem, naphambi kwamadoda akhe amakhulu, ngobuqaqawuli.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES