Bible Study: FrontPage




 

Isaiah, Chapter 57

Bible Study - Isaiah 57 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ilungisa liyatshabalala; akukho mntu ke ukunyamekelayo oko ngentliziyo; amadoda anobubele ayemka, akukho mntu ke uqondayo ukuba ilungisa limka phambi kokuba kubekho ububi.
  
2. Lingena eluxolweni; baphumla ezililini zabo ababehambe ngokuthe gca.
  
3. Ke nina, sondelani apha, nyana betolakazi, mbewu yomkrexezi neyehenyukazi.
  
4. Nivuyelela bani na? Nisinekela bani na, ning’ong’oza nje? Aningabantwana bokreqo, imbewu yobuxoki, yini na,
  
5. nina bazitshisekisayo emiterebhintini, phantsi kwemithi yonke eluhlaza; nina babasikayo abantwana ezihlanjeni phantsi kwemiqhokro yeengxondorha?
  
6. Isahlulo sakho saba sematyeni agudileyo esihlambo; wona aba ngamaqashiso akho; kananjalo wawathululela amadini athululwayo, wenyusa iminikelo yokudla kuwo. Mandizithuthuzele na ngezo zinto?
  
7. Entabeni ephakamileyo ende wabeka isilili sakho, wenyuka waya kubingelela imibingelelo nalapho.
  
8. Isikhumbuzo sakho wasibeka emva kocango nomgubasi; ngokuba wathi ungekum wazityhila, wenyuka, wasenza sabanzi isilili sakho, wanqophisana nabo, wathanda kulala nabo, wandlala ukhuko.
  
9. Wahambela kukumkani uneoli, wanyhikiza iziqholo zakho, wazithuma kude izigidimi zakho, wazithoba kwada kwaba kwelabafileyo.
  
10. Wadinwa ngokuba nde kwendlela yakho; akwathi, Ndincamile; wawafumana ebuya ephila amandla akho ngenxa yoko akuthanga fehlefehle.
  
11. Ubunesithukuthezi ngabani na, ubusoyika bani na, ukuba uthethe amanga, ungandikhumbuli, ungakunyamekeli oko ngentliziyo? Andithe quthu na kususela kwaphakade, ungandoyiki nje?
  
12. Ndiya kubuxela mna ubulungisa bakho, nezenzo zakho aziyi kukunceda nto.
  
13. Ekukhaleni kwakho mazikuhlangule iimfumba zezithixo zakho; zonke ziphela zimka nomoya, zithatyathwa ngumphunga. Ke yena okholosa ngam uya kulidla ilifa ilizwe, ayime intaba yam engcwele.
  
14. Uthile wothi, Fumbani, fumbani, gecani indlela; susani isikhubekiso endleleni yabantu bam.
  
15. Ngokuba utsho ophezulu, owongamileyo, ohleli ngonaphakade, ogama linguNgcwele, ukuthi, Ndihleli phezulu, engcweleni, ndihleli nakotyumkileyo, omoya uthobekileyo; ukuba ndibuye ndiphilise umoya wabathobekileyo, ndibuye ndiphilise intliziyo yabatyumkileyo.
  
16. Ngokuba andiyi kubambana naye ngonaphakade, andiyi kuhlala ndinoburhalarhume; kuba umoya ubungatyhafayo phambi kwam, nemiphefumlo endiyenzileyo mna.
  
17. Ngenxa yobugwenxa bokubawa kwakhe ndaba noburhalarhume, ndambetha, ndazisithelisa, ndaba noburhalarhume; wahamba ephamba ngendlela yentliziyo yakhe.
  
18. Iindlela zakhe ndizibonile: ndiya kumphilisa, ndimalathise, ndimbuyekezele intuthuzalo yena, nabakhe ke abenza isijwili.
  
19. Umdali weziqhamo zomlomo, uYehova, uthi, Uxolo, uxolo malubekho kwabakude nakwabakufuphi, ndibaphilise.
  
20. Ke bona abangendawo banjengolwandle oluvunjululweyo, ngokuba alunakuzola; amanzi alo avumbulula udaka nezibi.
  
21. Alukho uxolo kwabangendawo, utsho uThixo wam.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES