Bible Study: FrontPage




 

Isaiah, Chapter 58

Bible Study - Isaiah 58 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Danduluka uphimisele, ungathinteleki; phakamisa izwi lakho njengesigodlo, ubaxelele abantu bam ukreqo lwabo, uyixelele indlu kaYakobi izono zayo.
  
2. Ke bayandingxoka imini ngemini, bakunanzile ukuzazi iindlela zam. Njengohlanga olwenze ubulungisa alwalishiya isiko loThixo walo, bacela kum imigwebo yobulungisa, bakunanzile ukusondela kuThixo.
  
3. Bathi, Yini na ukuba sizile ukudla, ungaboni? siwuthobe umphefumlo wethu, ungazi? Yabonani, ngomhla wokuzila kwenu nifumana enikunanzileyo, nibakhandanise abasebenzi benu bonke ababulalekayo.
  
4. Yabonani, nizilela ukubambana, niphikisane, nibethane ngenqindi lokungendawo; namhla anizileli ukuze nivakalise ilizwi lenu phezulu.
  
5. Into enjalo ingaba kukuzila endikunyulileyo na? Ingaba ngumhla wokuba umntu awuthobe umphefumlo wakhe na? Ukuthokombisa intloko yakhe njengomzi andlale ezirhwexayo nothuthu, oko ukubiza ngokuthi kukuzila na? Ngumhla okholekileyo na kuYehova?
  
6. Ukuzila endikunyulileyo asikoku na: ukucombulula iziqamangelo zokungendawo, ukukhulula izitropu zeedyokhwe, ukundulula abavikivekileyo bekhululekile, naphule zonke iidyokhwe?
  
7. Asikoku na: ukumqhekezela esonkeni sakho olambileyo, ubangenise endlwini abaziintsizana, abatshutshiswayo? xa uthe wabona ohamba ze, umambese, ungazifihli kwinyama yakho?
  
8. Kuya kwandula ke ukukhanya kwakho kuthi qhiphu njengokusa, kuhlume kamsinya ukupholiswa kwakho, buhambe phambi kwakho ubulungisa bakho, buqoshelise emva kwakho ubuqaqawuli bukaYehova.
  
9. Uya kwandula ubize, asabele uYehova; uzibike, athi, Ndikho! Ukuba uthe wakususa phakathi kwakho ukufaka idyokhwe, nokwalatha ngomnwe, nokuthetha ubudenge;
  
10. wamvukelisa olambileyo ngento oyidlayo, wawuhluthisa umphefumlo wocinezelweyo: kophumela ke ukukhanya kwakho emnyameni, nesithokothoko sakho sibe njengemini enkulu.
  
11. Uya kuhlala ekwalathisa uYehova, awuhluthise umphefumlo wakho ekubaleleni kwelanga, omeleze amathambo akho, ube njengomyezo onyakanyiswa yimvula, nanjengendawo ephuma amanzi, emanzi angatshiyo.
  
12. Baya kwakha amanxuwa angunaphakade abakowenu, uvuse iziseko zezizukulwana ngezizukulwana; bathi ukukubiza nguMvingci wamathuba, nguMbuyisi womendo wokuhlala.
  
13. Ukuba uthe walubuyisa unyawo lwakho kwisabatha, ukuba ungenzi okunanzileyo ngomhla wam ongcwele; wathi ukuyibiza isabatha isisonwabiso, ingcwele kaYehova; wathi inozuko, wayizukisa ke ngokungenzi iindlela zakho, ngokungafumani okunanzileyo, uthethe iintetho ezingeni:
  
14. uya kwandula ukuziyolisa ngoYehova, ndikukhwelise emimangweni yomhlaba, ndikudlise ilifa likaYakobi uyihlo; kuba umlomo kaYehova uthethile.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES