Bible Study: FrontPage




 

James, Chapter 2

Bible Study - James 2 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Bazalwana bam, musani ukukuphatha ngokukhetha buso bamntu, ukukholwa yiNkosi yethu yozuko, uYesu Kristu.
  
2. Kuba, xa kuthe kwangena endlwini yenu yesikhungu indoda enemisesane yegolide, inengubo eqaqambileyo; kwaza ke kwangena ihlwempu, lineengubo ezimdaka;
  
3. naza nakhangela kulowo uvethe ingubo eqaqambileyo, nathi kuye, Hlala apha kakuhle wena; nathi kulo ihlwempu, Yima phaya wena; mhlawumbi, Hlala phantsi apha ngasesihlalweni seenyawo zam:
  
4. anicalulanga na ke phakathi kwenu, naba ngabagwebi abanezicamango ezingendawo?
  
5. Yivani, bazalwana bam baziintanda: uThixo akawanyulanga na amahlwempu eli hlabathi, ukuba abe zizityebi zokholo, neendlalifa zobukumkani, awababeka ngedinga abo bamthandayo?
  
6. Ke nina nilihlazisile ihlwempu. Izityebi azinishicileli na? Zona azinirholeli ematyaleni na?
  
7. Zona azilinyelisi na igama elihle elo, nabizwa ngalo?
  
8. Ukuba okunene niyawuzalisa umthetho wakomkhulu, ngokwesibhalo esithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako, nityaphile;
  
9. kodwa ukuba nikhetha ubuso bomntu, nisebenza isono, niyohlwaywa ngumthetho ngokwabagqithi.
  
10. Kuba yena oya kuwugcina umthetho uphela, akhubeke mthethweni mnye, unetyala layo yonke.
  
11. Kuba lowo wathi, Musa ukukrexeza, ubuye wathi, Musa ukubulala. Ke, ukuba akukrexezi, kodwa ubulala, usewuthe waba ngumgqithi-mthetho.
  
12. Yithini ukuthetha, yithini ukwenza, nenze njengabaza kugwetywa ngomthetho wenkululeko.
  
13. Kuba umgwebo awuyi kuba natarhu kulowo ungenzanga nceba; kananjalo inceba iyawuqhayisela umgwebo.
  
14. Kunceda ntoni na, bazalwana bam, ukuba umntu uthi unokholo, abe imisebenzi ke engenayo? Lunako yini na ukumsindisa ukholo lwakhe?
  
15. Ukuba ke umzalwana, nokuba ngudade, bathi bahambe ze, beswele ukudla imihla ngemihla,
  
16. athi ke omnye wenu kubo, Hambani ninoxolo, yothani, hluthani; nibe ke ningabaniki izinto ezo ziwufaneleyo umzimba: kunceda ntoni na?
  
17. Ngokunjalo nalo ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lufile ngokukokwalo.
  
18. Wosuka omnye, athi, Wena unokholo, ke mna ndinemisebenzi; ndibonise ukholo lwakho olungenamisebenzi yakho; nam ndokubonisa ngokwasemisebenzini yam ukholo lwam.
  
19. Wena uyakholwa ukuba uThixo mnye; uyatyapha; nazo iidemon ziyakholwa, zibe namanwele.
  
20. Uyathanda na ke ukwazi, mntundini ungento, ukuba ukholo olu, ingekho imisebenzi, lufile?
  
21. UAbraham, ubawo wethu, akagwetyelwanga na ngokwasemisebenzini, akumnikela uIsake, unyana wakhe, phezu kwesibingelelo?
  
22. Uyabona ukuba ukholo lwalusebenzisana nemisebenzi yakhe, lwenziwa wagqibelela ukholo ngokwasemisebenzini?
  
23. Saza sazaliseka isibhalo esithi, Wakholwa ke uAbraham nguye uThixo; kwaza oko kwabalelwa ebulungiseni kuye, wabizwa ngokuba sisihlobo sikaThixo.
  
24. Niyabona ke ngoko, ukuba umntu uyagwetyelwa ngokwasemisebenzini; kungabi ngokwaselukholweni lodwa.
  
25. Ngokunjalo ke, noRahabhi, ihenyukazi, akagwetyelwanga na ngokwasemisebenzini, akubamkela ngobubele abathunywa, abakhuphele phandle ngayimbi indlela?
  
26. Kuba, kwanjengokuba umzimba, ungekho umoya, ufile, ngokunjalo ukholo, ingekho imisebenzi, lufile nalo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES