Bible Study: FrontPage




 

James, Chapter 3

Bible Study - James 3 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Musani ukuba ngabafundisi abaninzi, bazalwana bam, nisazi nje ukuba siya kwamkela olona lukhulu ugwebo.
  
2. Kuba siyakhubeka kaninzi sonke. Ukuba umntu akakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo, enako ukuwubamba ngomkhala nawo umzimba uphela.
  
3. Yabona, sifaka imikhala emilonyeni yamahashe, ukuba asithambele, siwajike umzimba wawo uphela.
  
4. Yabona, nayo imikhombe, imikhulu kangaka nje, iqhutywa nje yimimoya enamandla, ijikwa ngomthi wokujika omncinanana, iye apho sukuba umlawuli angxamele ukuba ingaya ngakhona.
  
5. Ngokunjalo nalo ulwimi, lulilungu elincinanana nje, luyagwagwisa kakhulu. Yabona ke, umlilo omncinane utshisa ihlathi elikhulu.
  
6. Nolwimi olu ngumlilo, lihlabathi elizele kukungalungisi; lunjalo ulwimi ukuhlala phakathi kwamalungu ethu. Lona luyawudyobha umzimba uphela, luvuthisa intenda yobomi; lona ke luvuthiswa sisihogo somlilo.
  
7. Kuba zonke iimvelo zezinto ezizitho zine, kwanezeentaka, nezezinambuzane, kwanezezinto eziselwandle, ziyadanjiswa, kanjalo sezikhe zadanjiswa yimvelo eyiyeyabantu;
  
8. ke lona ulwimi alunaye noko amnye ebantwini, unokuludambisa; lubububi obungenakubanjwa, luzele bubuhlungu obubulalayo.
  
9. Ngalo siyambonga uThixo uYise, nangalo siyabaqalekisa abantu abenziwe ngokomfanekiselo kaThixo.
  
10. Kwakulo mlomo mnye kuphuma intsikelelo nengqalekiso. Akufanelekile, bazalwana bam, ukuba ezi zinto zibe nje.
  
11. Umthombo umpompoza amnandi nakrakra kwangelo liso linye, yini na?
  
12. Unako yini na, bazalwana bam, umkhiwane ukuvelisa iinkozo zomnquma, uthi umdiliya uvelise amakhiwane? Ngokunjalo akukho namnye umthombo ongavelisa amanzi amtyuba namnandi.
  
13. Ngubani na olumkileyo, owaziyo kakuhle phakathi kwenu? Makayibonise imisebenzi yakhe ngehambo entle, enobulali bobulumko.
  
14. Ke, ukuba ninomona okrakra neyelenqe entliziyweni yenu, musani ukuyiqhayisela nokuyixoka inyaniso.
  
15. Obo bulumko asibubo obuhla phezulu; bobasemhlabeni, bobemvelo, bobeedemon.
  
16. Kuba apho kukhoyo umona neyelenqe, kubakho isiphithiphithi nemicimbi emibi yonke.
  
17. Ke bona ubulumko baphezulu ukuqala bunyulu, buze bube boboxolo; buyancendezela, buthozame kakuhle, buzele yinceba neziqhamo ezilungileyo; abunankani, abunaluhanahaniso.
  
18. Isiqhamo ke sobulungisa sihlwayelwa ngoxolo ngabo benza uxolo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES